UJames Okwuosa ufince ikhulu lemidlalo kwiChippa United

UJames Okwuosa ngumdlali wokuqala ofikelele kwikhulu lemidlalo kwiChippa United. Umfanekiso: Siyanda Zakhe/I'solezwe lesiXhosa

Omnye wabadlali
abathembekile emva kwiChippa United, uJames Okwuosa, uzenzele imbali
kwimpelaveki edlulileyo ngokuthi abengumdlali wokuqala ofince ikhulu lemidlalo. Lo mdlali ufikelele kweli
nqanaba emva kokuthath’ inxaxheba kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
iChippa United ebethe kuwo iCape
Town City

ngo’2-1 eSisa Dukashe Stadium ngejikalanga yayi zolo. Le ndedeba yaseNigeria
ineesizini ezingaphaya kwesine idlalela iiChilli Boys. Phambi kokudlalela eli
qela laseMpuma Koloni, u-Okwuosa udlalele amaqela afana ne-El-Kameni Warriors,
iLobi Stars, Enugu Rangers (onke ngawaseNigeria) ne-Ajax Cape
Town.

Ngumdlali wokuqala
osele efikelele kwikhulu leminyaka kwaba bakhoyo abadlali. Lo nto uyivuyele
kakhulu kwaye wenze amazwi ombulelo kumphathi, kubaqeqeshi nakoo gxa bakhe. “Ndicinga
ukuba yinto enkulu kakhulu kwaye ndibulela uThixo ngalo nto. Ibe yindlela
enzima, ndibulela usihlalo weChippa nabo bonke abaqeqeshi abandincedisileyo
kweli khulu lam lemidlalo. Yinto enkulu kakhulu le kum futhi ndiyathemba ukuba
uThixo uyakundipha amandla okuqhubela phambili nokudlala,” utshilo u-Okwuosa.

Lo mdlali,
oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, uxelele iintatheli ngezinto azinqwenelayo
nangovuyo lwakhe emva kokuba iqela lakhe lizuze impumelelo yalo yesibini kule
sizini. “Ebholeni akufuneki uzikhathaze kakhulu ngezinto ezimbi, kufuneka
ugxile kwezi zintle. Okubalulekileyo kukuzama nokwenza umsebenzi kude kube
sekugqibeleni. Ingase uThixo andinike impilo entle ukuze ndikwazi ukuqhubela
phambili nokudlala. Kodwa ke ndilapha ngenxa yokusebenzisana nabanye abadlali. Abadlali
abatsha mabagade izimilo zabo ukuba bafuna ukuhlala ixesha elide ebholeni,
bakhuthale emsebenzini abawenzayo. Akukho nto enokubathintela xa benokusebenza
ngaphezulu kwam baqinise nasemfundweni”

“Ndiyivuyela
kakhulu le mpumelelo; sidlale imidlalo emihlanu ilandelelana. Eminye imidlalo
kuye kwanyanzeleka ukuba samkele inqaku elinye – kodwa siphumelele. Ngexesha lokuphumla,
umqeqeshi uye wasikhumbuza ukuba singoobani. Sibuyele ebaleni sasebenza nzima
satsho safumana amanqaku amathathu,” uvale ngalo mazwi u-Okwuosa.