Abafundi bathi bazakuyisusa ehlazweni iMpuma Koloni

Abafundi bakaGrade 12 uSinentlantla Tinise kunye noSihle Blom eNcedolwethu Senior Secondary School eNgqushwa IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Abafundi bebanga leshumi kwezinye zezikolo ebezingaqhubi kakuhle kunyaka ophelileyo eMpuma Koloni, iNcedolwethu eNgqushwa neForbes Grant eQonce, bazimisele ukubuyisa isidima seli phondo ngokuphumelela ibanga leshumi.

Abafundi bebanga leshumi eMzantsi Afrika bazakube beqalisa iimviwo zebanga leshumi ngoLwesibini weveki ezayo.

USihle Blom waseNcedolwethu eNgqushwa, uthi basebenze nzima ukuza kufika kweli nqanaba lokuqala lemviwo, baza kusibuyisa isidima seMpuma Koloni.

Iphondo leMpuma Koloni belihleli kwindawo yokugqibela xa lithelekiswa namanye amaphondo elizwe loMzantsi Afrika ngokweziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo.

“Sincedwe ngootitshala bebezinikele, basifundise yonke into, besichitha impela veki esikolweni, iincwadi sizifumene ngexesha, besisoloko sikumaqela wethu sixoxa, sifunda, siza kuyisusa iMpuma Koloni ehlazweni,” uthethe watsho uBlom.

Iziphumo zebanga leshumi zeMpuma Koloni ziye zaphucuka kancinci kunyaka ophelileyo nangona eli phondo belisahleli kwindawo yokugqibela.

Isikolo saseNcedolwethu besifumene amashumi amane anesibini kuphela ekhulwini leepesenti kunyaka ophelileyo.

USinentlantla Tinise waseNcedolwethu eNgqushwa uthi uqinisekile ukuba uzakubakho umahluko kulonyaka kwiziphumo zebanga leshumi.

“Sisebenze nzima kwasekuqaleni konyaka, ingxaki yokungabikho kootishala kwizifundo ezithile eziquka izibalo nenzululwazi zisonjululwe kwa ngexesha, sikulungele ukunceda iMpuma Koloni ukuba iphume ehlazweni,” uthethe watsho uTinise.

UXhantilesizwe Mangunga waseForbes Grant eQonce, uthi ukuphucuka kweziphumo zebanga leshumi ngumsebenzi wesininzi sabafundi beMpuma Koloni.

“Ngenkxaso yootishala namagosa esebe lemfundo sikulungele ukubhala iimviwo, idabi lokuphucula umgangatho weziphumo lixhomekeke kuthi singabafundi xa sisonke eMpuma Koloni, lihlazo lona ukusoloko sihleli emsileni,” uthethe watsho uMangunga.

Isikolo saseForbes Grant besifumene ishumi elinesithoba kuphela ekhulwini kunyaka ophelileyo.

IMpuma Koloni ifumene amashumi amahlanu anethoba ekhulwini (59.3%) kwimpumelelo yabafundi bebanga leshumi kunyaka ophelileyo, logama kunyaka ongaphambili u2015 belihleli kumashumi amahlanu anesithandathu ekhulwini (56.8%).

Inqununu yesikolo saseNcedolwethu eNgqushwa, uLuyanda Hlasela, uthi ngenene ingxaki ibikho kwesa sikolo kodwa ngoncedo lwesebe lemfundo naye unethemba lempumelelo.

“Kukho inkqubo ebesinayo nenkampani yabucala ekuthwa nguJenn, ngenxa yayo sitshintshe indlela yokwenza, besinezifundo ngoMgqibelo nangeCawa, sanesikolo ngeholide zasebusika, nabazali basincedisile ngokuthutha abantwana bebakhusela yonke imihla, ukufumana ootishala kwizifundo ebezingenabo ootishala sincedakele apho,” uthethe watsho uHlasela.

Ukanti esi sikolo sesinye kwezo zithe zanikwa igosa elingukhala wokuncedisa kwimicimbi yolawulo lwesikolo ngelizama ukuphucula inkqubo yokufunda nokufundisa.

Inqununu yesikolo saseForbes Grant uMzoxolo Silatsha, uthi bazakuphumelela abafundi besikolo sakhe kulo nyaka.

“Bebenexesha elaneleyo ukuzilungiselela, bachithe ixesha benika iimpendulo kwimibuzo ezakubanceda kwiimviwo, silindele impumelelo kuphela kulo nyaka,” utshilo uSilatsha.

Othethe egameni lesebe lemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima, uthi azikho iingxaki ezimalunga nezi mviwo kwelabo icala.

“Sele ziqalile iimviwo kwizifundo ezithile, kodwa uninzi luqala kwiveki ezayo, sikulungele ukubhalwa kwezi mviwo ngazo zonke iindlela,” uthethe watsho uMtima.