Akukho nto ilihlebo

Kumava am, sele ndazikhethela ukuba ndingabi nanto iyimfihlo namntu ingesiso isiqu sam. Kwanenkosikazi yam ‘andihlebi’ nayo.

Indoda ehlebayo! Ewe indoda ehlebayo, kungekho nengahlebiyo ke kambe. Gxebe ngeba ndithi amadoda ayabhunga, akahlebi. Kazi uphi na umahluko phakathi kokuhleba nokubhunga? Kodwa ke masiyibambe apho, amadoda ayabhunga ngeli xa ona amabhinqa ehleba.

Ubani uye akholelwe ukuba abakwinqweme lenkawu ababasuzeli aba bangaphandle. Yimpazamo enkulu ke leyo. Le nto uthi mayigcinwe ndim, ndingake ndiyithi vu nakubani na, kungani ungayigcinanga wena ngokwakho kanti akufunekanga iviwe mntu wumbi? Ndoke ndive!

Kukho abantu abangakufuniyo ke ukuhletywa, ingakumbi amabhinqa. Ubani ukuba eve ukuba bekuthethwa ngaye engekho, enokuba kunyanisiwe okanye bekuxokwa na, uphambana abe lelentaba.

“Kutheni undihleba MamGiqwa? Phinda laa nto ubuyithetha kuMaDlamini!” Mhla ndabhungwa ngamanye amakhwenkwe ukuba aza kundibetha kuba ndibukwa elalini yawo, ndaya kuwo ndathi “ndiva kusithiwa niyandifuna madoda, ndinguyelo ke ndizizisile.” Ndakwenza oko kuba ndandiyazi ukuba ziidyongo, kungenjalo ngendandisuke ndazama ukuhlala ndilungele loo mini yokundifumana kwawo okanye ndinyawuke endleleni yawo.

Nantoni na ethethwa neyenziwa ngababini emfihlakalweni ilinda nje ixesha elifanelekileyo ibe setshatshalazeni, ibe lulwazi lomntu wonke. Izenzo zabasebusuku zibuya zaziwe nangabasemini.

Ukuzala kwabafazi bekufudula kuyindaba yakwamkhozi. Umdlezana ebegcinwa efukwini iintsuku ezisibhozo ziimazi ezindala, engasondeli umntu oyindoda kuleyo ndlu. Kodwa kule mihla indoda iyamenywa xa umfazi wayo esiya enimbeni, kuthiwe mayingene iyokuma entla endlwini yomkhuhlane.

Abaxokayo ke bathi ide icelwe ukuba incedise ngelixa lenimba, ibe neendawo ezibambayo kwezibanjwayo ukunika inkxaso umkayo. Hayi kodwa inokuba kuyaxokwa ke noko, akukho ndoda inode yenziwe loo nto!

Ngeliphandle umcimbi wasefukwini awuseyo mfihlo lulwazi lomntu wonke, ngaphandle kwam kuba ke mna ndisaphosakele kolo luchwe, ndingena kubasafumaneka ke futhi. Ndisawavela kude la mahebezi.

Ulwaluko yimfihlelo yamadoda. Alwa abe bomvu kusakubakho into engathi ifuna ukulihlubela uwonke-wonke. AbeSuthu namaHlubi atyholwa ngokuba anayo nento ebulalayo xa athe ubani wazibona sele efikelela kulwazi olungamfanelanga ngezolwaluko lwawo.

Nangona kubekwe le miqathango ukuthintela ukuvuza kolu lwazi, ibhekile oluphethwe ngayo yaagqobhoka kudala. Andizange ndabona mfazi engena esuthwini, kodwa abafazi bayakwazi okwenzeka esuthwini, kunjalo nje ungothuka xa unoze ubangcambazise ngabakwaziyo.

Bambi bazenza ngathi abazi ngeli xa besazi lukhulu, oko ke bakwenzela ukunika intlonipho kwesi sithethe sibhentsileyo nendicinga ukuba asisenakuqosheliswa xa kungoku.

Nali ‘nenxeba’ lifikile nangona ndingekali bukeli mna.

Kusandula kubhentsiswa imfihlo yabagcini-cwangco bocalulo ngokobuhlanga olungena bulungisa, iindlela ababebulala ngazo ababezabalazela ukubhangiswa kwaloo nkqubo.

Ngethuba lokwenzeka kwezo nto babufihlwe kangangoko ubungqina. Kodwa ezo nto sizibona zimana ukuthi phulukushu okwamalulwane emini endululwa yinyoka kwikhusi lawo.

La magqabantshintshi namanye abubungqina bokuba akukho nto ifihlakala kude kuphele.

Osazimisele ekuhlebeni nasemabhungeni ezinto ezingamele kwaziwa mntu wumbi makanyawuke. Nantoni na ayenza ekhusini umntu makaqiniseke ukuba ngenye imini iya kuba lulwazi lomntu wonke. Wamusa ke ngoko ukwenza nto namntu ekhusini usithi yimfihlo, ningabababini kuyo ayiseyo mfihlo.

Ingabi komnye umntu imfihlo yakho ayiseyoyakho wedwa yeyenu nabanye abaninzi abaseza kufakwa nabaza kuzifaka ephungulelweni. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.