Ingqumbo kaZuma iyeza kwakhona

Jacob Zuma

UMONGAMELI Jacob Zuma akakagqibi ngokuhlenga-hlengisa ikhabhinethi yakhe kwaye xa ephinde wenza oko uzakutsho ngesona sithongakazi esiza kothusa uninzi lwabantu.

Olu luluvo lomhlalutyi wezopolitiko uBhasela Yalezo, ohlohla kwiYunivesithi yaKwaZulu Natal (UKZN).

Ezi zimvo zikaYalezo ziza emva kokuba uZuma ebhengeze uhlenga-hlengiso kwikhabhinethi yakhe kule veki, apho agxothe inkokeli yamaKomanisi uBlade Nzimande kwisikhundla sokuphathiswa isebe leMfundo ePhakamileyo.

Oku kubonwa ngabaninzi njengeenzame zikaZuma zokutyhiliza abo angavisisani nabo nanjengoko zifinyeziwe iintsuku zenkomfa yokonyula iinkokeli zikazwelonke zeANC ngenyanga yoMnga.

Enye indawo ephakamise amehlo oluntu kwesi sigqibo sikaZuma, kukufakwa kukaDavid Mahlobo kwisikhundla sokuba nguMphathiswa wezaMandla, indawo ebonwa njengaleyo yokuqhubela phambili ilinge likaZuma lokwenza isibhambathiso neRussia ngomba wamandla enyukliye (Nuclear Power).

Ethetha nephephandaba I’solezwe uYalezo uthe: “Into ebangele olu hlenga-hlengiso ngumba wokususa uBlade Nzimande obekudala engavani noZuma, okwesibini ngulo mba wale nyukliye yaseRussia. Ukufakwa kukaMahlobo kuthetha ukuba into ayifunayo ngezamandla (umbane) uZuma uza kuyifumana.”

“Kodwa ke kufuneka siqaphele ukuba zininzi izinto eziseza kusothusa kulo mbuso. Kaloku ngoku kuyiwa kwinkomfa kwaye ukuba iqela likaZuma liphumelele, oko kuyakuthetha ukuba uzakuphinda atsho ngesithongakazi aphinde atshintshe ikhabhinethi ukuze afake abantu avana nabo,” utshilo uYalezo.

UYalezo ukwathe, ukuba nguSekela Mongameli Cyril Ramaphosa ophumelela inkomfa, uluntu loMzantsi Afrika lungaphinda lulindele olunye utshintsho kumbuso weli lizwe. “Nokuba leliphi iqela eliphumelelayo kwinkomfa, isithonga sotshintsho siseza sona.”

Omnye umhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Somadoda Fikeni weYunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa), uthi esi sigqibo sikaZuma sakutshanje ibizinjongo zokohlwaya uNzimande.

“Okwesibini uMongameli Zuma uzama ukusondeza abantu abathile abafana noDavid Mahlobo kwiindawo ezibalulekileyo ezifana nesebe lezamandla, apho umcimbi wezibhambathiso zezamandla zenzeka khona,” utshilo uFikeni, ekwathi ngolu tshintso uZuma ufuna ukusondeza abantu abavana nabo kufutshane naye.

“Okunye leli sebe lezobuntlola apho uZuma efuna ukujonga zonke iintshaba zakhe zezopolitiko.”

Kwimbalelwano efinyeziweyo, uZuma akakhange achaze ezona zizathu zokuhlenga-hlengisa ikhabhinethi yakhe, uphelele nje ekuthini esi sigqibo usithathe emva “kokuzikisisa ukucinga”.

Abanye babaphathiswa abatshintshiweyo nguNjingalwazi Hlengiwe Mkhize nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, Ayanda Dlodlo nguMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, Mmamaloko Kubayi nguMphathiswa wezoNxibelelwano, David Mahlobo nguMphathiswa wezaMandla, Adv. Bongani Thomas Bongo nguMphathiswa woKhuselo leLizwe (ezobuNtlola) logama uButi Manamela enguSekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo.