Kufunyen’ umntwana itshoba lilel’ umbethe

Umlambo apho kufunyenwe khona umntwana

KOKSTAD: Kubhaqwe umntwana oneminyaka emine kumlambo uMzintlava itshoba selilel’umbethe ngentseni yangoLwesibini kule veki.

USinelethu Sabisa, oneminyaka emine kuphela, uthe wafunyanwa kulo mfula ebanjwe ngamatye.

Oku kulandela emva kokuba abantwana bebequbha kulo mfula ngelixa benqandiwe ukuba bangayi kuqubha kuwo, baze kamva bayokudlala phakathi kwezindlu kwilokishi iHorseshoe engekudanga kulo mlambo.

Umama womntwana uVuyiswa Sabisa, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32), uthe: “ NgeCawe abantwana bebequbha aph’ emlanjeni nalapho baye babaxelela ukuba mabaphume emanzini, bayokudlala phakathi kwezindlu kwalapha esitalatweni.”

“Khange sihoye emva kokuba ebedlala nabanye abantwana uSinelethu, kuthe pha ngecala emva kwentsimbi yesine malanga kwangeCawe xa simfuna ukuba azokuhlamba, asamfumana,” utshilo uVuyiswa.

“Sikhangele ukusukela emalanga apha elokishini ukuya kula ndawo bebequbha kuyo, senyusa sisehlisa umfula sangamboni, wade wabe uzobonwa ngutata wakhe uChristopher Matabane exhaseke ematyeni ngentseni sele engasekho.”

Ukanti isithethi samapolisa ale ndawo uKapteni Dumisani Ncongo, ukungqinile oku watsho esithi kuvulwe idokethi lokukhangela unobangela wokufa.