Usana lubhaqwe lugqunyelelwe ngomhlaba luphila

Amapolisa aKwaDwesi eBhayi abongoza kuluntu ekubeni luze ngaphambili malunga nomntu onokuthi abenolwazi ngomama wosana oluneentsuku ezintathu kuphela luzelwe oluyinkwenkwe nolubhaqwe ngabantwana abebezidlalela kwihlathi lakwaDwesi ngoMvulo wale veki.

Ngokwengxelo ephuma emapoliseni ephondo leMpuma Koloni, usana olu lubhaqwe ngabantwana ababini abebedlala emva kwentsimbi yesine ngoMvulo ngakwihlathi eli.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge, udiza ukuba abantwana bathe besazidlalela beva isikhalo sosana oluncinci kwihlathi eli, ukukroba kwabo bafika ilusana ligqunyelelwe ngomhlaba.

Abantwana babize amapolisa ekubeni azokuzibonela. Usana luthathiwe ngamapolisa, sithetha nje luselugcinweni kwisibhedlele iDora Nginza eBhayi.

Amapolisa abongoza lowo unolwazi olunokuthi luncedisane nawo kufunyanwe abazali bosana, batsalele uColonel Singaphi Sijako ku: 082 302 5962.