Yintoni lo Vuk’uzenzele?

Inene, ukuhamba kukubona. Ukuba ibikhona indlela yokuba bonke abantu bakuthi bakhe batyelele amazwe afana nooNigeria nooChina – nje nokuba yiveki enye umntu ngamnye – akhe azibonele inkcubeko ‘yokuphanda’ besinokuba nenkqubela-phambili ekude le kweli lakuthi. Kodwa ke liphupha nje elo.

Kwiilokishi neelali zakweli sibona amadoda akooSomali, Nigeria, China namanye amazwe efika azivulele amashishini awo kwalapha phakathi kwethu.

Kwaye baqhube kakuhle. Thina sohlulwa yintoni ekuziqhubeleni la mashishini? NakoomaKapa; uyakufumanisa ukuba umntu uyakwazi ukufika esuka kweyona ntsokolo kwizwe lakhe kodwa ayokuhlala esitratweni edolophini ethengisa iziselo ezibandayo namacuba.

Ngale malana ayenzayo uye ahambe ayokuzivulela ivenkilana kwalapha edolophini. Mininzi imizekelo yoku. Kule veki kuvulwe into ekuthiwa yiChina Africa International Film Festival eKapa, nalapho abadidiyeli bemiboniso bhanya-bhanya baseChina babonisana ngemiboniso abayenze eChina.

Kodwa into abathi baza kuyenza kukuqala ukwenza iifilimu eAfrika. Sebeqalile ngoWhen Africa Meets You kaYan Cui owenzelwe wonke eZimbabwe.

Awafikanga agalelekile amaChina; ngoonovenkile, oosomashishini kwaye bakwangabo nabadidiyeli bemiboniso bhanya-bhanya kweli lakuthi.

Kutheni kulula kangaka ukuba babone amathuba kweli abantu bangaphandle? Kumba wemiboniso bhanya-bhanya ufumanisa ukuba koomaNigeria nooChina abantu bayakwazi ukwenza iifilimu ezipheleleyo ngeefowuni zabo bazipapashe kooYouTube simahla, zibonwe ngabantu abaninzi, bafumane udumo, kuvuleke iminyango xa bephinda besenza omnye umboniso itsho ingene lula nemali yenkxaso.

Thina kweli, siye siqale sithi “iphi imali yokwenza ifilimu?”, “iphi imali yokuqala ishishini!?” kanti ezi zinto ziyakwazi ukuqalwa kancinci kancinci.

Ukulinda imisebenzi namathuba kwakuthatha ixesha. Siphila phakathi kwemizekelo yakumanye amazwe esibonisa, mihla nezolo, kwalapha kwizwe lethu ukuba ngamanye amaxesha kufuneka uzidalele, uvuke uzenzele.