‘Adelela iKumkanikazi amaNdlambe’

Ikimkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile, kwikomkhulu lamaRharhabe eMngqesha UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UbuKumkani bamaRharhabe eMngqesha buthi yindelelo engathethekiyo ukubekwa kweNkosi yesizwe samaNdlambe kwaMakinana eTshabho eMonti, ngaphandle kwentsikelelo zeKumkanikazi yesizwe samaRharhabe uNoloyiso Sandile.

Oku kusemva kokuba ikomkhulu lamaNdlambe kwindlu yakwaMakinana likhuphe ingxelo zokuba liza kumisela uNkosi Andile Mdibanisi Makinana ngomso umhla wamashumi amabini eTshabho.

Isithethi seKumkanikazi yamaRharhabe uZolile Burns-Ncamashe, uxelele iiNkosi zesizwe samaRharhabe eMngqesha izolo ukuba iKumkanikazi ayinalwazi lokubekwa kweNkosi yakwaNdlambe.

“Intlungu yale nto kukuba indlu yakwaMakinana yindlu enkulu kaNdlambe, indlu esisandla sokuqala esincedisa iKumkani yamaRharhabe xa ibeka iNkosi, kodwa abayifumenanga imvume yokubeka le Nkosi kwiKumkanikazi,” utsho uBurns-Ncamashe.

Uthi isizwe esiza kubeka iNkosi kwaRharhabe sihamba siye kuguqa kwiKumkani ekhoyo sicele ukubeka iNkosi, bavunyelwe emva kokuthethana.

“Emva kokuqaphela izinto ezithile sithunyelwe yiKumkanikazi ukuba siye kuqaphela lo mcimbi sithethane, abazange babekho izihlandlo ezininzi,” kutsho uBurns-Ncamashe.

Ingxelo ithi kwa indawo ezakubekelwa kuyo le Nkosi yindawo engekho mthethweni ngokomthetho wekomkhulu lamaRharhabe.

“Asinakubeka iNkosi yamaNdlambe eFort Murray, yintanga leya, asililo ikomkhulu, ikomkhulu lala ndlu liseTshabho, lisikizi nehlazo eli lenzeka kwaMakinana.”

Le ngxelo ithi iiNkosi zakwaMakinana azilandelanga umgqaliselo wokunikwa usuku lokubeka iNkosi yiKumkanikazi njengokuba kusenzeka ngokwesiko lakwaRharhabe.

“Ayizange ibekho kwaRharhabe into yokuba iNkosi ixelele abantu ukuba yona izakubekwa, iiKumkani ezizayo zibizwa yiKumkani, nezinye iiNkosi zixelelwa likomkhulu, azixelelwa yiNkosi ezakubekwa,” uthethe watsho uNcamashe.

Othethe egameni lekomkhulu lakwaMakinana uNkosi Mthuthuzeli Makinana, uthi bayaqhuba nokubekwa kweNkosi uAndile Mdibanisi Makinana ngoLwesihlanu.

“INkosi iyabekwa ngoLwesihlanu, asikhange sikwazi ukudibana neKumkanikazi side sivane, sithe sakuva ukuba kukho izinto ezivelayo salicela ithuba lokudibana nabo, eyona ngxaki kukho abantu abazama ukusithelekisa nobuKumkani bethu, bubuKumkani bethu uRharhabe ayisokuze ijike lo nto,” utsho uMakinana.

Uthi umphathiswa uFikile Xasa uzakubakho kulo mcimbi kusasa ngoLwesihlanu. Ukanti i-ofisi kaXasa ayifumanekanga ukuqinisekisa oku.