Ugwetyiwe owadlwengula umntwana ona-6

Ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu engaphakathi entolongweni uThukela Myekeni onamashumi amabini anesihlanu eminyaka (25) ubudala waseGcuwa,  emva kokufunyanwa yinkundla yaseGcuwa enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka emithandathu (6) kuphela.

Kwingxelo kaKapteni Jackson Manatha,  ixhoba elineminyaka emithandathu lidlwengulwe ngomhla wesihlanu kwinyanga yeDwarha ngonyaka ka2015. 

Uthi ladlwengulwa emin’ emaqanda kwilokishi yaseMchubakazi eGcuwa.

 Ityala laye layokuvulwa kwisikhululo samapolisa esikwilokishi yaseMsobomvu kwaseGcuwa.

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni asamkele isigwebo esibekwe kuMyekeni, esithi sakuthi sibe sisifundo nakwabanye abacinga ukudlwengula abantwana nabantu abadala  abangoomama.

INkumanda kumapolisa aseGcuwa uBrigadier Trevor Mey ,  uvuyisene namapolisa ebephanda ityala ngomsebenzi omhle awenzileyo nangokuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bafumana isigwebo esiqatha.