Ityala lethenda yezigidi eMnquma!

Amagumbi okurentisa kaSive Nombembe ngaseWSU
Usihlalo wombutho we-ANC kwingingqi yaseMnquma, uNdoda Mesani,  ukholelwa kwelokuba unobhala walo mbutho e-Amathole, uTeris Ntuthu umsulwa kwityala lethenda ye-R10 million.

UNtuthu kutyholwa ngelithi wanikwa imali engange R250 000 njengesinyobo ebulelwa ngusomashishini, uSive Nombembe, emva kokuba  efumene le thenda yezigidi ezilishumi kuMasipala waseMnquma.

UMesani uthi basamxhasa unobhala uNtuthu kwaye bakholelwa kwinto yokuba akanatyala.
Oku kulandela ukuvela kwakhe phambi kwenkundla zamatyala eGcuwa ngesityholo sokufumana isinyobo ekunye noZanele Mbewu ongumsebenzi woMasipala.

“Siyi ANC sisamxhasa unobhala njengomntu esivumayo ukuba unemali ewayeyinikiwe kodwa lo nto ayimchaphazeli kwaye ayimdibanisi nomasipala,” utshilo uMesani.

Uthi inkundla ayinanto ibambekayo malunga neli tyala, kuba ibifumene ixesha elingange nyanga ezintandathu zonke, kodwa nanamhlanje isaphanda.

“Inkundla ayinabo ubungqina obuphathekayo malunga neli tyala kuba ibifumene inyanga ezintandathu zonke ukuba iphande, kodwa nangoku ayikagqibi ukuphanda,” uqhube watsho.

Yonke lo nto uMesani uyichaze njengebonakalisa ukuba inkundla ayinanto ibambekayo kweli tyala ngokubhekisele ngakubamangalelwa njengoko esithi yayiqale kunyaka ophelileyo ukuphanda.
Wongeze wathi ukuba bebesaphila abamangalelwa ababini, uSindile Tantsi owayenguManejala woMasipala kunye nosomashishini uSive Nombembe, mhlawumbi ngelikhona ityala.

Uthe abamangalelwa beli tyala banikwa imali ngabanye abantu.

Ukanti ngokuyalelwa yinkundla ephakamileyo yaseRhini, iGunyabantu lezoTshutshiso  (iNPA) Ookhetshe (Hawks) kunye noonothimba, badlulise ngamaxwebhu wokuthimba kubasebenzi bakwaMasipala abathandathu abatyholwa ngokuba bafumana imali yesinyobo ngokunxulumene netyala.

Othethela iGubanyabantu, uLuxolo Tyali, uthe amaxwembu ngawokuthimba izinto kwabo babandakanyekayo etyaleni ngenxa yokuba bafumana imali kongasekhoyo uNombembe.

“Namhlanje kudluliswe ixwembu elichaza ukuba abantu abasixhenxe abafumana imali kuNombembe kufuneka kubekhona izibambiso abazenzayo, zibambiso ezo ezisuka kwizinto abathi bazifumana gwexa kongasekhoyo uNombembe,” utshilo uTyali.

Abo bantu baquka uNtuthu ekuthiwa wafumana imali engange-R250 000, abasebenzi bakwamasipala, uZanele Mbewu, owafumana R135 000, uPrimrose Gonya owafumana R20 500, uMkhululi Tintelo owafumana iR700, Bayanda Mbambani owafumana R37 500, usomlomo webhunga loMasipala waseMnquma uZibuthe Mnqwazi owafumana R2 000 kunye noZingisa Nduna owafumana R100 yena.

Kusomshishini ongaseyoko uNombembe, inkundla ithe makuthathwe iimoto zakhe ezintandathu, izikhoji zemoto ezilishumi elinanye, izindlu zakhe ezimbini  ezisedolophini eGcuwa, kuquka exabisa iR900 000 kunye nexabisa R700 000 kwakunye namagumbi wakhe wokurentisa aseZazulwana cebukuhle neWalter Sisulu University.

UTyali uthi uninzi lwabasebenzi bakwamasipala bazikhuphile ezi mali kuquka noMnqwazi.

Lo gama uNtuthu noMbewu bekungekacaci kubo ngenxa yokuba bebesenkundleni imini yonke.

Isithethi sooKhetshe ephondweni, Anelisa Feni,  uthe abo bafuna ukuya ezinkundleni malunga nezimali banelungelo lokwenza oko.