“Ndandisebenza naye, sobe ndimvele ngemva”

Muhsin Ertugral, head coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2016/17 game between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at FNB Stadium, Johannesburg on 29 October 2016 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

UMuhsin
Ertugral uyawakhaba amahum-hum amoyamanisa neKaizer Chiefs. Lo ka-Ertugral
uqeqeshe Amakhosi amatyeli amabini kwaye uyahlonitshwa kakhulu emva
kokuphumelela iindebe eziliqela eziquka iMandela Challenge [eyiCaf
Confederation Cup ngoku] ngo’2001. Woyanyaniswe nokubuyela kwiChiefs, uMuhsin
Ertugral, emva kokuvumbuluka kokungaboni ngasonye phakathi kukaSteve Komphela
nabalandeli abathile abafuna ahambe. UKomphela usazama ukuphumelela indebe
yakhe yokuqala kwisithuba esingaphaya kweminyaka emibini eqeqesha Amakhosi.
Ukusokola kweChiefs ebaleni kuyabachaphukisa abalandeli kwaye banyanzelisa
iinguqu eNaturena – kodwa ngelishwa labo, abaphathi babambelele kuKomphela.

            Image may contain: 1 person, standingMuhsin Ertugral, coach of Orlando Pirates and Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs during the Orlando Pirates press conference at the Absa Tower in Johannesburg on the 27 October 2016©Samuel Shivambu/Backpagepix

UMuhsin
Ertugral ubonwe kwimidlalo eliqela ye-Absa Premier Soccer League kule sizini –
kodwa kwincoko abenayo ne-Independent Media uye wakukhaba ukubuyela kwiChiefs. “Akukho
namnye umntu oke wandikrweca kwiChiefs. Basenomqeqeshi futhi ke ndiyakholelwa ukuba
izinto ziza kujika. USteve ndandisebenza naye ndisaqeqesha iChiefs kwaye
ndiyakholwa nguye. Ndinobudlelwane obuhle gqithi naye kwaye soze ndimvele
ngemva. Andinguye la mntu ubajikelayo abantu; andinguye konke konke la
mqeqeshi,” utshilo u-Ertugral.

Emva kokufika
eMzantsi Afrika kwisizini ka-1999/2000, u-Ertugral uye waqeqesha amaqela
aliqela eMzantsi Afrika aquka i-Ajax Cape, iGolden Arrows, iMpumalanga Black
Aces [awayibeka endaweni ephuzulu phambi kokubhanga kwayo] wagqibela
nge-Orlando Pirates ayishiye kunyaka ophelileyo emva kokuhlazwa ngo’6-0 yiSuperSport
United. Ekuqaleni kwale sizini, ndifumene isithembiso somsebenzi eNgilane.
Ndavumelana neqela ngayo yonke into – qha ndaphoxwa kukungafumani
iimpepha-mvume zokusebenza kwangethuba. Nalapha eMzantsi Afrika ebekhona
amaqela andifunayo – kodwa zange ndivume. Ndisaphumle ngoku, xa kukho ithuba
alivelayo lokuqeqesha – ndakuliqwalasela. Kubalulekile ukuthatha isigqibo
esichanekileyo kum,” uvale ngalo mazwi u-Ertugral.