Bayahamba oobhaka, kuza ubuchwepheshe

UMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula uthi ubuchwepheshe buzakutshintsha imeko yephondo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UKUNTSINTSITHEKA noobhaka kwabantwana bezikolo zaseMpuma Koloni kungayinto yezolo ukuba nje inquleqhu yesebe lezemfundo ingaphumelela.

Kutshanje isebe lezemfundo libambisene namaqumrhu abucala afana noDeloitte, Sasol, Vodacom noMTN lisungule inquleqhu ejolise ekujikeni izikolo zeli phondo ukuze ziyeke ukuxhomekeka kumaxwebhu koko kugcinwe iinkcukacha kubuxhaka-xhaka bale mihla.

Lo msitho wokusungula le nquleqhu, obubanjelwe eHemingways eMonti ngoMvulo wale veki, ubuzinyaswe nguMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula kwakunye noSekela Mphathiswa wemfundo esisiseko uEnver Surty.

“Izikolo zethu ezikumashumi alithoba anesine ekhulwini (94%) siza kuzifaka phantsi kweli linge lethu lokuguqula izikolo zibe phantsi kwenkqubo yokugcina amaxwebhu ngobuchwepheshe.

“Le nto ithetha lukhulu kuthi, kuba iza kuphungula umthwalo weenqununu eziquqa ezi-ofisini umntu ehambela iphepha elinye. Okwesibini iza kwenza umsebenzi lula ezikolweni, kuba iinqununu ziza kubona ukuba ootitshala basebenza njani, abaphangelanga nini,” utshilo uMakupula.

Lo kaMakupula uthi xa sele iphumelele le nquleqhu, kuza kuphela ukuntsintsitheka noobhaka ebantwaneni. “Kuba kaloku yonke into izakube igcinwe kwikhompyutha,” utshilo uMakupula.

Ukwathe ngootitshala abakumawaka amathathu abaza kuqeqeshelwa le nkqubo, kwaye baza kunikwa iilephutophu neeTablet.

USurty uthi phantsi kwale nkqubo kuza kuphela ukulindwa kweencwadi ngabafundi, kuba umntu uzakuvela achwetheze kwikhompyutha yakhe. Noxa kunjalo, isebe alikhange lixele ngelona xesha lokuqala kwale nkqubo ngokupheleleyo.

Kusenjalo, isebe lithi lizilungele iimviwo zikaGrade 12 zokuphela konyaka eziqala kule veki izayo.