Amaaandla! Ayingowethu!

Xa nina ningaboni ngasonye pha kowenu nenza njani? Nihlala phantsi niwushukuxe umba kude kuvele isisombululo okanye kuvela kungabikho ucenga omnye?

Elowo azihambele eyakhe indlela? Njengokuba iminyaka iye ihamba siye sibona umkhwa omtsha xa umntu okanye abantu bengakholisekanga yinto ethile, sibabona besiya kwammelwane beyokucela isisombululo seengxaki zasendlini.

Yinto ekhulayo le nethanda ukuxhaphaka kwiqonga lezopolitiko, xa elowo ingenzekanga intando yakhe umbone eyokwenza isimbonono kwiinkundla zamatyala.

Ukuba ingqondo yam icinga kakuhle ingathi liqela le-Democratic Alliance elayenza yaxhaphaka le nto, belithi lakubethwa yivoti kwindlu yowiso mthetho ubabone bebalekela kwiinkudla zamatyala ukuzama ukuba nelizwi elivakalayo.

Ithe yakumane iphumelela kwezinye izinto enkundleni sabona namalungu athile ombutho olawulayo ezeka emzekweni.

Ndiza kubuya ndithethe ngale yamalungu eANC nokuquqa iinkundla mvanje, kodwa eyona mna indikhathazayo yile yokuba lo mkhwa ngoku ungene waphelela nasezinkozweni zamaKrestu.

Kule veki iphelileyo besisothuswe ludaba lokuba amalungu eZion Christian Church (ZCC) eBotswana amangalele uBhishopu wawo uBarnabas Lekganyane kunye nabo akhokela nabo.

Le nto yokuba amakholwa anyusane esehlisana ezinkundleni zamatyala iqheleke xa sukuba kukho uqhekeko kusiliwa ngobutyebi nobunini bezakhiwo zebandla elo, kodwa kwesi sihlandlo akunjalo.

La makholwa khange avane ngento yoburhulumente bebandla baze babhenela ezinkundleni zamatyala. Ukugqibela kwam ke ukulilandela eli tyala, la makholwa aseBotswana ebegunyazisa ukuba uBhishophu wabo makaphoswe kwesimnyama isisele.

Andiyazi nokuba mhlawumbi ndim ozifunda goso Izibhalo Ezingcwele na, kodwa kwabaseKorinte bokuqala, kwisahluko sesithandathu ukuqala kwisahlukwana sokuqala siphele kweseshumi elinanye; apho uMpostile uPawulos uthethisa enqanda amakholwa ukuba mawangasani ezinkundleni zamatyala.

Xa usifunda esa sicatshulwa kuyacaca lubala ukuba into yokuba amakholwa aquqisane ezinkundleni zamatyala lo nto inxamnye nomthetho kaThixo. Xa kengoku isoyisa amakholwa le Bhayibhile yabo kuza kubekisela phi kuthi?

Ndiyafuna ke ukuthi xana izinto ezifana nezi zisenzeka kwezopolitiko nasezinkonzweni ngokubanzi lo nto ithetha ukuba idemokhrasi iyakhula, kaloku yeminye yemigomo yolawulo lwentando yesininzi ukuba sonke siyalingana phambi komthetho; kwaye xa ubona ukuba ayanyhaswa amalungelo akho ungabalekela kumthetho wesizwe kwiinkudla zamatyala eli.

Sibonile xa bekusonyulwa usihlalo omtsha weANC kweli phondo uOscar Mabuyane ukuba abo bebengakholwanga seso sigqibo bakhawuleze bakrweca iinkundla zamatyala, sakhatywa ke isicelo sabo kwaphela into ebithethwa.

Ingaba ngoku le sele iyindlela esenza ngayo izinto sakunganeliseki? Sekwabanzima na ukuba izinto zobukhaya bethu sizishukuxe singakhange sibize mntu wangaphandle azokusilamlela?

Yhini le ingaka icaca ukuba endaweni iinkundla zamatyala zihoye izikrelemnqa, izidlwengu, namasela, kufuneka zihoyene nokungamamelani kwaye nokunganeliseki kwethu?

Noko bantu bakowethu ingqondo mayisetyenziswe, simamelane singakhange sibe sichithe ngexesha leenkundla zamatyala zeli lizwe.