Iindlavini zeANC

Mzoxolo Matondolo

IGAZI, ukuthukana, ukunganyamezelani, ukunyoluka nokuswela ukuhlonela uluntu. Le yindlela ubani angachaza ngayo umbhodamo noqulukubhede owenzeke e-ICC eMonti apho iANC yaseMpuma Koloni ibibambe khona inkomfa yokonyula isigqeba sephondo esitsha.

Kule nkomfa, uLubabalo Oscar Mabuyane uphumelele esohlula iNkulumbuso uPhumulo Masualle, kwisikhundla sokuba nguSihlalo.

Lo qulukubhede weANC wenzeka kanye xa lo mbutho uthabathe lo nyaka ukukhumbula igalelo lika-Oliver Reginald Tambo, oyena Mongameli wakhe waxhuzula imikhala kwiANC ixesha elide.

Endaweni yokuxoxa ngeenkqubo zophuhliso loluntu abathunywa beANC, abebezimase le nkomfa, bagqebhene iinduma bonzakalisana beshiya iingxwelerha.

Xa ubani ejonga uhlobo lwezihlangu ezithe zashiyeka e-ICC, uyakuqonda ukuba amakhosikazi ngabona bantu bathe bangamaxhoba kulo mlo, obangele ukuba iANC ijike ibelihlazo ezizweni.

Omnye wabo bathe bonzakala uMzoxolo Matondolo, ongusihlalo wesebe leANC kwaWadi 20 eRaymond Mhlaba, uthi wonzakele entloko nasentanyeni.

“Ndibethwe ngesitulo ndayokulala phantsi. Khange kuphelele apho, ndiye ndanyathelwa entanyeni. Isono sethu kukufuna uPhumulo Masualle abenguSihlalo, kwanoNkosazana Dlamini-Zuma,” utshilo uMatondolo.

Omnye umthunywa othe wonzakala nguLiziwe Matyolo okwaseRaymond Mhlaba, naye uthe wahlaselwa kule nkomfa. UMatyolo ebelujaja ligazi, kubonakala ukuba wonzakele ngokumandla apha entloko.

Lo mlo wase-ICC ubangele iqela elixhasa uMasualle ukuba limke liyokubamba eyalo indibano kwiholo yesixeko saseMonti, apho bekukho iinkokeli ezifana noMlibo Qoboshiyane noAndile Lungisa.

USihlalo omtsha weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi okwenzeke e-ICC lihlazo, futhi bazimisele ukuba ingaphindi yenzeke le nto. “Siyayigxeka le nto yenzeke e-ICC futhi siyazibophelela ukuba asokuze iphinde yenzeke,” utshilo uMabuyane.

Kwankqu noSekela Mongameli Cyril Ramaphosa ukhumbuze amalungu eANC ukuba umkhwa wokulwa kwiinkomfa uyakhabana neemfundiso zikaTambo.

Ephefumla kumba wokuba buzakuba njani ubudlelwane phakathi kwakhe noMasualle, uMabuyane uthe: “Unditsalele umnxeba ebuza andonzakalanga kusini na, ndiye ndamtsalela nam ndibuza ukuba uzakuba nathi kusini na ngomhla wokuqukunjelwa kwenkomfa, kodwa ke uye wavakalisa ukuba akakwazi ukuba yinxalenye nathi.”

Ekwanaba malunga nalo mbuzo uHelen Sauls-August, usekela nobhala kwiANC, uthe uMasualle uza kunikwa imbeko njengeNkulumbuso. “Njengaye nawuphi na umthunywa weANC, kuza kufuneka ukuba aphendule kwisigqeba seANC,” kutsho uSauls-August.ULungisa sele evakalisile ukuba uMasualle isenguSihlalo weANC ngoko ke abasithatheli ngqalelo isikhokelo sikaMabuyane. Indibano yokusombulula iintanda neyantlukwano kwiANC ibihlelelwe ukuba iqhube eCalata House eQonce izolo.

Ezinye iinkokeli ezonyulwe noMabuyane, ziquka uMlungisi Mvoko (sekela sihlalo), Lulama Ngcukayitobi (nobhala), Helen Sauls-August (sekela nobhala) noBabalo Madikizela (nondyebo).

Nalu uluhlu lwamalungu amatsha ekomiti yephondo (PEC):

Fanta Gloria Bukiwe, Gade Fundile David, Ngozi William, Meth Nomakhosazana, Tikana Weziwe, Magqashela Loyiso, Ndabeni-Abrahams Stella, Majodina Pemmy, Kontsiwe Nonceba, Mantashe Priscilla Tozama, Nontsele Mncedisi, Dunjwa Mary-Ann Lindelwa, Ndabeni Mziwonke, Desi Fikile, Ncitha Zukiswa, Kulu Simthembile, Matiwane Thabo, Nqatha Xolile, Quphe Zandisile, Sokanyile Thokozile, Gomba Sindiswa, Mabengu Xolela, Mbedla Momelezi Mthetheleli, Peter Zamuxolo Joseph, Nyalambisa Nozibele, Malamlela Xolani, Rabe Zinzi Zinziswa, Camelio-Benjamin Virginia, Matana Zoliswa Patience, Koni Ntombizanele.