Isigwebo kowadlwengula umfundi esiya egxamesini

Inkundla yengingqi yaseXhorha imgwebe iminyaka emihlanu entolongweni uOnke Silingo (27) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula umfundi wesikolo kwilali iSholorha eXhorha nyakenye.

Iingxelo zithi lo mfundi (18), owayefunda uGrade 12 kunyaka ophelileyo, wayesendleleni eya egxamesini lakhe ngethuba egagana noSilingo.

USilingo wagrogrisa le ntwazana eyikhuphele imela ze wayibetha ngenduku kwanebhanti eyinyanzela ukuba baye kowabo apho wayidlwengula izihlandlo ze wayikhulula ekuseni, kwisehlo esenzeka ngomhla weshumi elinesine kweyeThupha ku2016.

Le ntombazana yaxela ngesi sehlo ze sabanjwa esi sidlwengu, nanjengoko sasisaziwa apha elalini.

Ebudeni bokuxoxwa kwetyala, ngokokutsho kukaLuxolo Tyali osisithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) eMthatha neendawo ezingqongileyo, uSilingo ebesoloko ephika esithi wadlwengula le ntwazana kuba sisinqanda-mathe sakhe.

Kodwa inkundla ikwazile ukusebenzisa ubungqina obuphambi kwayo ukukhombisa ubuzaza besehlo esenziwa nguSilingo. Inkundla ive ukuba le ntwazana ide yasilela ekuphumeleleni uGrade 12 ngenxa yomvandedwa odalwe sesi sehlo.

Oku kwenzeka nangona nje lo mfundi ebesoloko eqhuba kakuhle kwezinye izifundo phambi kokwenzeka kwesi sehlo. UTyali uthi bayasamkela esi sigwebo.