Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu! Tata ndiphuphe ngathi ndikwindlu emdaka kakhulu kodwa kule ndlu kukho umjelo wamanzi acocekileyo. Ingathi ke ngoku ndithi mna ngeke ndihlale kubumdaka obunje, nditsho nditsiba umnyango ndiphuma.

IMPENDULO: Khawuhambe uyowusabela lo mba kuba ungqamene nawe neemeko ezikungqongileyo.

IPHUPHA: Ndiyazibulisela. Ndicela ukubuza kwezi ntsuku zintathu ndinephupha elinye. Oko ndiphupha ndibetha abantu ndiboyisa, nokuba bangaphi na. Ingaba lithetha ntoni eli phupha? Enkosi.

IMPENDULO: Ngamandla onawo lawo okuphumelela amadabi wakho kungoko kufuneka umane usenza imisetyenzana ukucela izinyanya zakho zikukhusele nangakumbi.

IPHUPHA: Ndinephupha, phofu ke ngamaphupha amane, elokuqala yikati kodwa le kati ndiyibethe ngentonga yafa. Elesibini, yimvula kodwa ephupheni kugcwele udaka. Elesithathu- ziinkomo ezininzi ezingafaniyo kodwa enye yezi nkomo ibubufana nehashe. Elesine- yintsimbi emhlophe kodwa inentambo emnyama. Elesihlanu – ngamapolisa, ke wona awapheli emaphupheni am nemfazwe leyo ndiyiphupha oko oko. Elokugqiba, lihlathi namanzi olwandle ngelinye ixesha awekho mdaka la manzi. Ndicela undichazele. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. La maphupha axela izinto ezininzi ezifuna ukuba uzinxibe ithuba, uhlale nomntu onyangayo nifumane isisombululo. Elam okwangoku kukuba lungisa izinto zakowenu.

IPHUPHA: Ndikhathazwa kukuphupha ngabantu abasweleka kudala, ndiphuphe utata wam elapha endlwini phambi komnyango esithi mandingabinawari usekhona qha ikhona into ayilungisayo. Okwesibini, ndiphupha ndisemfuleni, kulo mfula ndikuwo kumane kudibana amadama onke anga andigqongileyo, kusenjalo ndiphupha ndikhonkothwa yinja, ingqale kum ayide iye kwaba bantu ndihamba nabo.

IMPENDULO: Okukuqala, yenzela utatakho umsebenzi kuba usakujongile nalapho akhoyo. Okwesibini, yeka ukuvimba yipha abantu bakowenu kuba nabo bekukhathalele kwaye futhi kuyacaca ukuba izinto uyaziboniswa xa ulele. Chosi!

IPHUPHA: Camagu! Ndinengxaki ngamaphupha amaninzi afana neli, ndiphupha ndiphezu kweliwa into engase ndiwe okanye ndisentabeni kungekho kuyamva okanye phambili. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Kaloku lowo ngumfuziselo weengxaki ojongene nazo nezibangela kungabikho nkqubela phambili kuwe. Oku ke kunokubangelwa zizinto eziliqela. Umzekelo – xa kukho umoya omdaka ophenjelelwa yimisebenzi yobumnyama. Okanye kwimeko apho izinyanya zakho zingaxolanga yindlela owenza ngayo izinto. Ngelishwa ke ingcaciso ondinike yona ayindincedisi ekukucebiseni ukuba ingaba umoya lo usuka kweliphi icala. Zama ke ufune uncedo kwimboni ekufutshane nawe. Chosi!

IPHUPHA: Camagu. Ndineli phupha, ndibona kufika utatomkhulu ongasekhoyo engxamile, ebuza utanci naye akasekho esithi unomyalezo.

IMPENDULO: Vuya kaloku, kuba iphupha elo ngenene liqulathe umyalezo kuwe. Utatomkhulu lowo ukuphathele into ezakuba luncedo kuwe. Khumbula ke ukuba izinto zexabiso azizi simahla, nawe kwelakho icala kufuneka uvule isandla ungasivali, wenze nokuba butywala begogogo ukuthambisa intliziyo kayihlomkhulu.

IPHUPHA: Ndicela ukulawulelwa eli phupha. Ndiphuphe ngathi ndishiye abantwana kwam. Ngathi ndibona sesisekhaya-khulu nabantwana bam, bakhona bayalila balele phantsi. Umakhulu owayeswelekile ubekwa ebhedini kuthiwa uswelekile kwakhona.

IMPENDULO: Camagu. Kaloku ukhaya khulu kulapho impilo ikhoyo, indawo leyo sele ibizwa ngokuba ngukhaya khulu nje kukuba amasiko ekhaya elo aqale apho, yiyo ke lento ngelinye ixesha naxa sele ungasahlali khona kufuneka ubuyele, oko ukwenzela ukuyokulanda amathamsanqa, nditsho nokuba sele ilinxiwa kuba kaloku kungenzeka ukuba amathambo ooyihlomkhulu alapho. Ngokwephupha eli lakho thabatha abantwana abo bakho kuba bayabangwa khona kwakhayakhulu nalapho kufuneka bazisiwe ngokwesiko lenu ukanti umakhulu lowo kukho akufunayo kwanjalo kuwe. Chosi!

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu:

063 743 9538