Sim Mmbo, sifun’ ukwazi!

Simbongile Sim Mmbo

Intatheli yethu uSimphiwe kaFreddie (SF) incokole noSimbongile ‘Sim’ Mmbo (SM) ongumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni iAlfred Nzo eseMt Ayliff. Usibalisela ngothando lwakhe lokusasaza kunomathotholo.

UMmbo yinzalelwane yaseFlagstaff kwilali yaseMangquzu, kodwa ngoku sele ezinze eSiphaqeni. Yinkulu kubaninawa bakhe ababini.

SF: Luqale nini uthando lwakho kwezosasazo?

SM: Mmmh!…Ndikhule ndingumntu othuleyo kodwa ofun’ ukwazi ngayo yonke into, kodwa uthando luqale xa ndiqala esikolweni samabanga aphezulu, bendimamela uVuyo Mbuli kwiSA FM ndimbukele nakwiMorning Live. Kwabalapho ndaqonda ukuba nam ndingakwazi ukuzenza zombini.

SF: Wangena nini kunomathotholo, ungena njani?

SM: Ndingene ngoTshazimpuzi 2009 xa ndandiyokwenza uqeqesho, ndakuligqiba, isikhululo sandifuna ngoba ndandizimisele, ndangena njengentatheli yezoPolitiko, kwaye ndikwenza nenkqubo yangoMgqibelo.

SF: Yintoni ekunika umdla kusasazo?

SM: Kukunika abantu ulwazi abangalufumani lula, ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni.

SF: Unomathotholo okanye umabonakude. Ngoba?

SM: Okwangoku ngunomathotholo, yena ukwenza ubenobuchule bokwenza , unike umfanekiso-ngqondweni kumphulaphuli esekhaya. Umabonakude ulula, yonke into uyayiboniswa, kodwa ke ekuhambeni kwexesha, ndim naye.

SF: Wenza umsebenzi onjani kunomathotholo, kwaye yintoni oyithandayo ngalo msebenzi uwenzayo?

SM: Ndenza inkqubo yasekuseni i-AM Vibe. Ndihlanganisela isikhululo umculo. Kumnandi ke ukuvuka usemdleni, uze udlulisele oko kumphulaphuli ekhaya.

SF: Umnqweno wakho kweli khondo ukulo? Ungathanda ukuzuza ntoni kulo?

SM: Utshintsho oluguqula iimpilo zabantu emakhaya. Ukukhuthaza ulutsha ukuze lube lilizwi lotshintsho ukulungiselela isizukulwana esizayo kwezososasazo.

SF: Ngoobani abatsha ocinga ukuba benza kakuhle kusasazo lukanomathotholo?

SM: NguBukiwe Zide (Umhlobo Wenene) kunye no-Ongeziwe Mnjana (Tru FM)

SF: Ukutya okuthandayo?

SM: Hahaha! Andingomntu okuthandayo ukutya, ndonwabela ukutya amagqabi (salads).

SF: Yeyiphi inkqubo oyenzayo kwaye iqala nini, kwaye inantoni?

SM: Ndingomnye weqela lenkqubo yeBhrakfesi eqala ngo-6 ukuya ku-9. Sithetha ngezoPolitiko, ezeMpilo, iNkcubeko, ukuxhotyiswa kolutsha, yonke into enokwenza nomntu ohlala eMpuma Koloni ingakumbi eAlfred Nzo District. Uyayazi ke iBhrakfesi, ingxelo yasezindleleni, imoyezulu, izimvo nezinto ezimnandi.

SF: USim kwiminyaka ezayo uzakube ephi?

SM: Kwiminyaka ezayo ndizibona ndingumnini-nkampani yezeNtengiso noNxibelelwano eMpuma Koloni. Ndiphinde ndibe kumabonakude.

SF: Xa ungekho semoyeni, wenzani?

SM: Ndiphuma nezihlobo, ndingumntu othanda ukulinga izinto ezintsha, ndithanda indalo, ngoko ke xa ndingekho kunomathotholo ungandikhangela ezintabeni. Ngapha koko ndiyathanda ukubandodwa kwaye ndiyazithanda iincwadi.

SF: Uzilungiselela njani phambi kwenkqubo?

SM: Ndibanexhala rhoqo phambi kokuya emoyeni, ndenza umthandazo omncinane ndicele amandla kuMdali.

SF: Abaphulaphuli bangakufumana phi xa befuna ukuncokola nawe?

SM: Ndiyafumaneka kuFacebook: Simbongile Mmbo nakwi- Instagram: Sim_Mmbo.