‘Izithulu mazihlonitshwe, nesijekulo sibesemthethweni’

USiphelele Mqokozo waseMdantsane ophuma kwaDeaf SA ethetha ngemeko yabantu abazizithulu

Umanejala ophezulu kwiBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (PanSALB) eMpuma Koloni uXolisa Tshongolo, uyicacise ngokuphandle eyokuba igama elithi isithulu alithuki, ngoko ke abantu abaphila noku okanye izihlobo zabo mazingakhathazeki.

UTshongolo ukuthethe oku ngethuba kumiliselwa ngokusemthethweni ulwimi lwesijekulo eMonti, liqhutywa yiSouth African Sign Language Institute.

UTshongolo uthi kusekuninzi ekufanele kwenziwe ukuze ulwimi lwesijekula luthathelwe ingqalelo.

“Nangona sivuya kodwa yona indlela isende ukuze kube kanti liyalingana namanye amalwimi eli loMzantsi Afrika kuba lisafika. Abantu abazizithulu mayibengabo abaphakamayo ngolwimi lwabo balumele ukuze kusuke nento yokuba lulwimi lweshumi elinesibini kuthiwe lulwimi olusemthethweni qwaba,” utshilo uTshongolo.

Isijekulo sifundwa ngeelwimi zonke ezifana nesiXhosa, isiNgesi, isiBhulu, isiSotho nezinye.

USiphelele Mqokozo ophuma kwaDeaf SA kwiphondo leMpuma Koloni uthe thaca imiceli- mngeni abajongana nayo umhla nezolo bona bangakwazi ukuthetha kwanokuva, esithi kumakhaya abo hayi bonke bathetha isijekulo kuba amalungu osapho awayiqondi kolu lwimi lwabo ithuba lokumameleka kuxa bedibene nabanye abakwimeko enje.

Ethetha ngezandla uthe: “Okokuqala asifuni ukubizwa ngegama elithi singooDOMI. Ukuba ufuna sikuhoye sukusigibisela ngelitye isithulu, kungcono ucele umntu ophambi kwam andikrwece. Sukusikhwaza ungxole kuba ucinga ndizakuva ndicebisa ukuba cela umntu okufutshane uthethe naye kunokuba usikhwaze.”