‘Ndimkile kwi-ANC enobuqhophololo’- Makhosi Khoza

UMakhosi Khoza urhoxile kwiANC

 Inkokeli yeANC eyaziwa ngokuthetha phandle ngeengxaki zalo mbutho uGqirha Makhosi Khoza uwufalathele lo mbutho, kwinto ayichaze “njengokubola bhutyu kweANC bubuqhophololo”.

 

UKhoza ubhengeze ukurhoxa kwakhe kwiANC ngoLwesine. Kwimbalelwano ayixhome kuFacebook wakhe, uthe: “Ndazibandakanya neANC ngo1982, ndineminyaka elishumi elinesibini kuba ndandingenokukwazi ukuhlala kwilizwe elinomkhethe, ubuqhophololo nengcinezelo.”

 

“Ndancama ubuntwana bam ngenxa yeembono zeANC. Elona xesha lininzi ndilichithe neANC endaweni yokulichitha nabazali bam, kodwa ngoku leANC ndazibandakanya nayo ayiseyiyo le ndiyaziyo.

 

“Ndifuna ukuziguzula kwiANC ebole bhutyu bubuqhophololo. Kodwa andishiyi iANC buqu, ndishiya iANC yobuqhopholo. Iimbono zeANC kaMadiba zakuhlala zihleli kum,” utshilo uKhoza.

 

UKhoza ebethe gqolo ukuba sezindabeni kutshanje egxeka iinkokeli zeANC ingakumbi uMongameli Jacob Zuma ngokusilela ekubonakaliseni isikhokelo sokuhlangula lo mbutho kwiingxaki ojongene nazo.

 

Erhoxa nje kwiANC, uKhoza ebebekwe ityala yiANC KwaZulu Natal isithi urhuqele eludakeni lo mbutho kulandela iintetho zakhe zasesidlangalaleni.

 

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthe abakayifumani imbalelwano kaKhoza malunga nesigqibo sakhe, ngethuba sibhala eli nqaku. Akucaci nokuba uKhoza sele eyenzile kusini na imbalelwano malunga nesikhundla sakhe ePalamente.