Bakhumbule uVuyo Mbuli ngesakhiwo sempiliso

USithenkosi Mbuli ongunyana wongasekhoyo uVuyo Mbuli

NGETHUBA uVuyo Mbuli wayetyelele iziko lokujongana neenkedama kwanabantu abanesifo sikagawulayo eNdevana eQonce ngo2005, zange awuvale umlomo yindlela elisebenza ngayo eli ziko ze wabhinqa omfutshane elifunela inkxaso.

Imisebenzi yongasekhoyo uMbuli, owaduma kakhulu ngokubhexesha inkqubo kaSABC 2 uMorning Live, iqaqambe ngethuba eli ziko livula isakhiwo salo esitsha kule veki esithiywe njengeVuyo Mbuli Empilisweni HIV and Aids and Orphan Care Centre.

UMbuli ubhubhe ngo2013 emva kokuqukuleka ebukele umdlalo wombhoxo eBloemfontein. Umsitho wokuvulwa kwesi sakhiwo sitsha ubuzinyaswe nguSekela Mongameli Cyril Ramaphosa ekunye namanye amagosa aphezulu kwarhulumente.

Usapho lukaMbuli, ngokukhokelwa yinkosikazi yakhe uSavita kwakunye nabantwana, bebewuzimasile lo msitho.

ULungiswa Ngantweni, ongumphathi kweli ziko, uthi badibana noMbuli ngenxa kamama kaSavita.

“Sasimenywe ngumama kaSavita ecaweni yakhe eyayibanjelwe eBerlin eQonce, emva koko le cawe yasithathela ngakuyo isithengela isonka usuku nosuku. Ngenye imini sasityelele kumama kaSavita, safika kukho uVuyo owasithakazelela ngendlela engummangaliso, wazibophelela ngokusincedisa kulandela ukucelwa ngumama kaSavita.

“Emva koko uVuyo weza kwiziko lethu esithi ufuna ukulibona kuqala phambi kokuba asincedise ngokusifunela inkxaso. Weza ngenene uVuyo nenkosikazi yakhe uSavita. Okwalandelayo yinkxaso engummangaliso, safumana izixhobo nemali ngenxa yakhe,” utshilo uNgantweni.

UNgantweni uthi ngenxa yale misebenzi kaMbuli, bagqiba kwelokuba bamkhwebele kufutshane abe lilungu lebhodi kweli ziko.

“Emva koko saye sakha isakhiwo seziko, kodwa saqaphela ukuba sincinci. UVuyo ebhubha nje wayefuna ukuba sibe nesakhiwo esikhulu. Yiyo le nto sithe sakufumana inkxaso yokwakha isakhiwo esikhulu, saqonda ukuba masisithiye ngegama lakhe,” utshilo uNgantweni.

Ethetha kumsitho wokuvulwa kwesi sakhiwo sitsha, intombi kaMbuli uSiphosihle Nkosazana Mbuli, uthi iyabachulumancisa belusapho ukubona ukuba utata wabo ebengaphelelanga nje ekuthandweni ngabantu, koko naye ebebathanda abantu.

“Utata ebekholelwa ukuba wonke umntu apha eMzantsi Afrika angakwazi ukuzenzela impumelelo nokuba ukhule njani okanye uphantsi kweziphi iimeko. Siyavuya ukubona eli ziko lizigcinile iingcingane zakhe,” utshilo uSiphosihle.

Yena uSithenkosi Vuyo Junior Mbuli uthi utata wakhe wayengumntu osoloko echulumancile, efuna nabo bamngqongileyo basoloko bonwabile.

“Utata ebewuthanda uMzantsi Afrika, ethetha nabantu ngeelwimi zabo. Ngamanye amaxesha ndandiye ndibenomona xa ndimva ethetha isiVenda,” utshilo.