Ayinasisini ingqonyela yamapolisa aseNMBM

Ingqonyela yamapolisa eMetro yaseBhayi uYolande Faro eBloemendaal

Ayihleki
nehlekisayo ingqonyela yamapolisa yomasipala weNelson Mandela, ibamba de ibambe nabantwana besikolo abangawuthobeliyo umthetho.

Osisithethi
sikamasipala uKupido Baron, uthe esi sikhulu sala mapolisa
uYolande Faro  ubambe wavalela eziseleni
inkwenkwana eminyaka ilishumi elinesixhenxe ngale ntsasa emva kokuba ibiqhuba
kakubi. 

Uthe le dyongwana ibikwenza oku lo kaFaro ekwisithuthi ebesiphambi
kwayo kude kufuphi nondlunkulu wamapolisa akwamasipala kwindawo ebizwa ngokuba
kuseSouth End eBhayi.

UBaron uthe lo kaFaro ubebukele le nkewu
iqhuba iteksi enguSiyaya inganakanga zimpawu zendlela nemikrwelo ebekelwe
ukulawula izithuthi ezindleleni, ingakhathalele kwayena gaqa nangona ibimbonela
kufuphi nokuba ebegaxele iyunifomu yesipolisa.

“Kwayona
loo nqwelo ibingafanelanga ukubasendleleni ngokomthetho, ayinankcenkce
yombhalo-nombolo, ayinazibambo emacangweni, nomqhubi wayo ebengena zincwadi
zelayisenisi okanye eyokuqhuba isithuthi sika wonke-wonke,” utshilo uBaron.

Uceba
oyintloko yesebe lezokhuseleko kulo masipala, uJohn Best, umncomile lo kaFaro, esithi wenze umsebenzi omhle, esithi lo nto ayenzileyo ibonakalisa ukuba
uyinkokeli engumzekelo. 

“Iyandichaza
into
  ayenzileyo njengenkokeli
ukuba akhokele phambili, lo nto ithetha ukuthi nathi singaqhubekeka
sisenza njalo nezigila-mkhuba zasezindleleni ziya kutsho zithobe
isantya,” utshilo.

 Kwakule
veki, uBaron uvakalise ukuba la mapolisa ebemanxada-nxada ezindleleni zaseBhayi
nalapho aqokelele malunga namashumi ambini amawaka anamakhulu asixhenxe eerandi omdliwo kubaqhubi beeteksi abanyakathisayo ngokungenelela ngasekhohlo
lezinye iinqwelo ngexesha lokuphithizela la
ngentseni
nangokuhlohla abakhweli ngaphaya komlinganiselo.