UBenni McCarthy akaxolanga ngumsebenzi woosompempe

Benni McCarthy, head coach of Cape Town City reacts instructs Ayanda Patosi of Cape Town City during the Absa Premiership 2017/18 football match between Cape Town City FC and Kaizer Chiefs at Cape Town Stadium, Cape Town on 13 September 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Emva kokubethwa
kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, umqeqeshi weCape Town
City
avakalise
ukungoneliseki kwakhe ngumsebenzi owenziwa ngoosompempe. UBenni McCarthy ukuphe
imbilini yakhe emva kokubethwa kweCity ngo’1-0 yi-Orlando Pirates kumdlalo
obubanjelwe eFNB Stadium ebusuku ngoLwesibini. Igowuli leBucs lafakwa sisiququ
somdlali siswini uThabo Qalinge. Lo mdlalo ubulandela omnye iCity ebethwe kuwo
yiKaizer Chiefs ngo’2-0 kutshanje. Kwisiqingatha sokuqala somdlalo obuseFNB
Stadium, uLehlohonolo Majoro ufake igowuli emva kokufumana ibhola egotywe
ekunene – kodwa usompempe akalivumanga ngelithi ulalele.

UMcCarthy ukhwele
ezehlela koosompempe ekwacekisa umsebenzi abawenzayo kwimidlalo yePSL. “Umgangatho
woosompempe kwiPSL uyafuna ukufunqulwa, asikwazi ukuba negowuli elingavunywayo licace
kanje. Xa usiya eYurophu, oosompempe kuyanyanzeleka baphendule xa bebuzwa ngabaqeqeshi
ngezigqibo abazithathileyo,” utshilo uMcCarthy, eqhankqalazela igowuli
likaMajoro elingavunywanga.

Usompempe
zange athathe isigqibo esichanekileyo ngoba kumabonakude uMajoro akabonakali
elalele. “Xa sikhalaza, abantu bathi senziwa kukungafuni ukwamkela ukubethwa
kanti akunjalo – sifuna umgangatho womsebenzi woosompempe uphakame,” utshilo
uBenni McCarthy ekuqaleni kwale veki.

Igowuli lempumelelo
lePirates lafakwa nguThabo Qalinge xa kanye kusondela ixesha lokuphela komdlalo
emva kwempazamo eyenziwa nguShu-aib Walters.

Le ndedeba
efumene isikhundla sokuqeqesha okokuqala kwiCape Town
City
ikwazile
ukuphumelela imidlalo emine ilandelelana ekuqaleni kwale sizini – kodwa izinto
aziyihambelanga kakuhle kwimidlalo emibini yePSL edlalwe yiCitizens. Iqela
likaMcCarthy lizakuvan’ amandla neSuperSport United kumdlalo wokugqibela kwiMTN
8 kwinyanga ezayo eMoses Mabhida Stadium. “Akukho sizathu sakuxhalaba
okwangoku. Kukho amaqela aqhuba kakubi kakhulu kunathi. Ndingcono mna ngoba
sendiphumelele imidlalo emine yonke. Ndibethwe yiChiefs nePirates – amaqela aziwayo
nakwizwekazi le-Afrika. Sijonge umdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8 ngoku,”
utshilo uMcCarthy kwiintatheli.