UGustavo Paez noKhune balwe kwamdak’iisali

Amakhosi avuya akakwazi nokuzibamba emva kokuba engombe iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eHarry Gwala Stadium namhlanje ebusuku. UGustavo Paez ubhakuzise umnatha kwade kwakabini emdlalweni logama yena u-Itumeleng Khune eyithintele macala onke iTeam of Choice ebiquqa ibuyelela ekwaphiwe nepenela ngusompempe kwisigaba sesibini somdlalo. Le mpumelelo iyithathe iKaizer Chiefs yayibeka kwindawo yesine emva kokudlala imidlalo emihlanu.

Nangona iChiefs izuze le mpumelelo – kodwa umdlalo wayo ubungacacanga namhlanje kwaye ukuba ibingahlangulwanga nguKhune ezipalini, ngowuchithekile umphothulo. Liqela laseMgungundlovu elidlale umdlalo ophucukileyo kwizigaba zozibini zomdlalo – kodwa into elingakwazanga ukuyenza kukusebenzisa amathuba ngexesha abadlali beChiefs bebenobu-athalala obuthile emva noxa bekwazi ukunyamezela kwade kwasekugqibeleni.

EKing Zwelithini Stadium ibingunogumbe wamagowuli! AmaZulu avuthulule iBidvest Wits ngo’3-0 othuleyo kumdlalo wePSL kobu busuku. Igowuli lokuqala lifakwe nguMichael Morton ekude. URhulani Manzini ufake elesibini emva kokuba AmaZulu efumene ipenela – kwisigaba sesibini uphindile kwakhona uManzini. Le ibiyimpumelelo ebidingeka kuSuthu emva kokuphulukana nemidlalo eliqela kule sizini. Ukubethwa kwayo iWits kuthetha ukuthi ayikafumani nale inye impumelelo kule sizini emva kokudlala imidlalo emihlanu. UMichael Morton ubenelishwa lokukhutshwa ngekhadi elibomvu ngokutyhala uGabadinho Mhango oxhokonxileyo nomthufele obusweni.

Abafana Bes’thende babethele iPlatinum Stars ngo’1-0 phambi kwabalandeli bayo kumdlalo wePSL eRoyal Bafokeng Stadium. UKudekwashe Mahachi – omnye wabadlali abaqaqambileyo kwiGolden Arrows – ufake igowuli ekuphela kwalo kulo mdlalo. Ngoku iqela likaClinton Larsen lithe ngu phezulu kwiPSL. NgoMgqibelo lindwendwela iKaizer Chiefs, eFNB Stadium.

Ngaph’ eFree State Stadium, iBaroka FC ibethe iBloemfontein Celtic ngo’2-0 namhlanje. Igowuli lokuqala lifakwe nguSipho Moeti, laze elesibini lafakwa nguMpho Kgaswane kumzuzu wesihlanu phambi kokuphela komdlalo. Ngoku iBaroka ikwindawo yesibini emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana.