Abazali bagxothe inqununu etyholwa ngesincwaso

Inqununu yaseBambanani JSS ebityholwa ngesincwaso nempatho gadalala yabasebenzi ixesha elide, ide yaboniswa isango ngabazali abaphantsi kweSouth African Civic Organisation.

Oku kwenzeke ngoMvulo we18, kwindawo esakhelwe kuyo esi sikolo iSlovo Park kwintshona yoMthatha. Ngesaquphe, phambi kwentsimbi yesixhenxe ngentseni, kufike iqaqobana labantu abaqikelelwa kwisixhenxe beyokuvala isango lesikolo ngelithi uMnu. uBango akasamkelekanga ngaphakathi kwamasango.

Ingxelo esuka kwisekela lenqununu uMnu.Mafa Maphasa ithi, wonke omnye umsebenzi kuthwe makadlule ngomzimba okhululekileyo, ngaphandle nje kukaBango, nabamkhombe ekhayeni ekufikeni kwakhe, engekawubeki nomcondo ngaphakathi kwamasango.

OkaMaphasa uthi, le ngqokelela yabazali, ayingobantu abafundisa abantwana kwesa sikolo, kodwa ziimbuso ezingaqhelekanga ekunokuba zibizwe nje ukuze zizokuqoshelisa lo mcimbi.

“Nangona kunjalo, okwethu kukuthatha amanyathelo ngesi sehlo, manyathelo lawo azakwandulelwa kukwazisa iSebe lezeMfundo, nendiqinisekileyo ukuba inqununu isebenza kuwo sithetha nje. Esi sehlo yinto noko ebesingakhange siyilindele njengoko ingakhange ithiwe thsuphe nguSANCO. Kodwa ke sinolwazi lokuba uSANCO akangomqeshi, kwaye akalo sebe lezemfundo, lona liselungelweni lokugxotha liqeshe.

Iinkqubo zokufunda nokufundisa beziqhuba ngesiqhelo nangona ulawulo belukwisekela lincediswa sisigqeba solawulo iSGB.

OkaBango uthe akanako ukuphendula kuba naye ubone nje abantu bemvalela iingcango ngaphandle kolwazi lwakhe. Kuvakala ukuba le ntshukumo iququzelelwe ngabazali ngeCawa ye-17 kwintlanganiso ethe yabizwa, kubongozwa abahlali ukuba bamanyane kweli khwelo lokuphelelwa lithemba ngakwinqununu. Eyona ntsuma-ntsumane esahlafunwa nguye wonke umsebenzi yeyokuba, ‘ngubani obone kusisidingo ukuba kubizwe uSANCO ngethuba le nyewe isesezandleni zeSouth African Council of Educators (SACE)’.

Imbono zisabonakala zibetha-bethana, abanye besithi, ukuba angabe kanti uphume umlibe singatsho isikolo sibuyele kwindlela elungileyo, engavelisa iziqhamo ezilindelwe lisebe kunye nabazali abathumela abantwana. Abanye, kuquka isekela lakhe bame kwelithi, yinto engenakwenzeka leyo njengoko iqoqo lolawulo limxhasa okaBango kwaye nesebe liyazi ukuba zizityholo nje ezingamayelenqe ezi.