iingxaki zesijolo

11. Mna ndilapha eLinge eKomani ndicela nike nizozibonela apa elinge safakelwa itoilet ezigunxgulwayo  ingxaki ezi toilet ziyabloka siphinde sibenengxaki enkulu yamanzi inoba sileqa iminyaka engamashumi anesihlanu apha akukho manzi iimpompo zoma kodwa kwezinye izindlu ayaphuma amanzi. Mna ndicinga ingxaki ikwimibhobho qha oceba bethu abayikhathalelanga into yamanzi kuba bona banamatanki kaJoJo. Bathini ngathi thina bantu bangathathi ntweni bona kumisa itruck zibagalele amanzi ematankini abahlali kunzima ngamanzi kakhulu siyacela nike niyise iso into yaseLinge singabanye sabuyela kwitoilet zemingxunya zakudala kuba asinamanzi wokugunxula itoilet iphele ibloka lilindle iwesi xa sinemisebenzi kubanzima kakhulu ngamanzi nezindlu zangasese enkosi.

Impendulo

Molo mhlali, iinto yooceba ixhomekeke kuni ngoba nini ababavotelayo. Yiyani kwamasipala nichaze ingxaki yenu kwaye ningabonwabisi ngoba bazophinda banganihoyi ningenzi itoyi toyi qha nikhethe abantu abazokunimela kwamasipala. Nabo ooceba kodwa sanukubayeka baxeleleni iingxaki zenu ngoba basebenzela nina babekwe nini ukuba banimele. Enkosi

12. Ndicela ukubuza xa unomntu omthandayo abe naye ekuthanda qha abe ethandana nomnye umntu funeka umbonise njan uba wena uyamthanda futhi awufuni kumshera?

Impendulo

Molo mfundi, mxelele ukuba ayeke lowa athandana naye ukuba niyathandana kodwa niyazi nobabini ukuba iinyembezi zomntu aziweli phantsi. Enkosi

 
13. Nditshatile apha eKapa xa umyeni wam efuna siye kowabo abandifuni umama wakhe ngoku ndiyakhathazeka ngoba ndifuna ukuya emzini wam njengamfazi wonke ndithini.

Impendulo

Molo sisi, xelela umyeni wakho athethe nabantu bakowabo luxanduva lwakhe ukukukhusela ebantwini bakowabo naye ndiyacinga uyafuna ukugoduka nonkosikazi wakhe azive naye ukuba utshatile. Enkosi

14. Molweni ndilapha eBisho umlingane use Bhayi siyaxabana efounini kwaye xa sixabana uthetha phambi kwabantu ahleli nabo akhonto andenzela yona mna xa efuna into ndimnike. Ndingenza njani ndohlukane naye?

Impendulo

Molo sisi okanye bhuti, ewe mlahle akakuxabisanga kwaye akakuhloniphi izenzo zakhe zithi uthanda ukwenzelwa nguwe qha. Enkosi

15. Ndihlatyiwe ngumntu endithandana naye kwaye ndisenomsindo yilento ayenzileyo kodwa ndisamthanda naye kudala exolisa. Ndicela ubuza ndenze njani? Andizazi ukuba mandithini.

Impendulo

Molo bhuti okanye sisi, andiyazi ingxabano yenu iqale njani ukuze niphele nihlabana kodwa ngoku usenomsindo ndicela umcele niziphe ithutyana nje lokuba nohlukane ukuze umsindo wakhe wehle ngoba asiyazi uyakwenza ntoni xa nisathandana ube usenomsindo ngakuye. Enkosi

16. Molweni nam ndinengxaki ukhona umntu endithandana naye kodwa akanalo ithuba lokuba sibonane kodwa ukufutshane kuba yi R10 qha ukuza kule yam ilali xa engenayo imali ndiye ndimlinde estophini ndimbhatalele. Kuqala wayezama kangangoko ukuza kum andazi ukuba kwatshintsha ntoni kwaye akekho umntu endifuna ukuphila naye ngaphandle kwakhe kuba ndimthanda.xa ethanda akabambi kwafouni leyo xa ndifouna iringa yodwa ifouni yakhe wesi xa kusebusuku iringa nje emva koko ibekwi voice mail.

Impendulo

Molo bhuti usisi lo ubonakala njengomntu ongasenawo umdla wokuqhubeka nawe. Mbuze ukuba usakufuna na okanye uqhubeke na nobomi bakho, ukwenzela ningadlali undize wokumana nibuyelana abe umntu engazange atsho ukuba akasekho kuwe nangona izenzo zisitsho njalo. Enkosi