Ichithiwe iNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni

Ichithwe ngokusemthethweni indlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni, ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo ngenxa yokuba liphelile ixesha lesikhokelo sale ndlu.

Ingxelo ithi ixesha lokuphatha kwesi sigqeba ebesilawula le ndlu sikhokelwe nguNkosi Ngangomhlaba Matanzima, lifikelele esiphelweni ngenyanga kaCanzibe walo nyaka. Ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, ipalamente yephondo leMpuma Koloni ipasise umthetho ojongene neenkokheli zemveli ogunyazisa ukuba kwakhiwe izikhokelo kwiinqila ukuze kuzalwe isikhokelo sephondo. Othethe egameni leSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kweli phondo, uMamkeli Ngam, uthi iqhuba kakuhle inkqubo yokumiselwa kwesikhokelo esitsha. “Ixesha layo le ndlu liphelile ngokomthetho kumele ukuba amalungu aphume e-ofisini, ngoku sikwiphulo lokukhangela amalungu kwizindlu zenqila, inqila zizakusinika amalungu angamashumi amathathu anesibhozo,” ucacise watsho uNgam.

Uthi la malungu ngawo azakwenza ibhunga lendlu yeeNkosi zemveli ukuze anyule usihlalo wale ndlu kwiphondo. “Leli bhunga lamalungu angamashumi amathathu anesibhozo kuphela elinegunya lokutyumba usihlalo wale ndlu nanjengoko bethunywe zinqila zezindlu zeeNkosi,” ucacise watsho uNgam.

Iphulo lokonyulwa kwesi sikhokelo senqila lisaqhuba kakuhle ukusukela oko liqalile ngentatho-nxaxheba yeeNkosi, iiNkosana, izibonda kunye neeKumkani. “Ukonyulwa kwezi nqila kumele ukuba kube kugqityiwe ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga yoMsintsi, emva koko sifumane usuku lokonyula isikhokelo sephondo esiquka usihlalo wephondo,” uthethe watsho uNgam. IMpuma Koloni inezithili ezintlanu ezilindeleke ukuba zikhuphe isikhokelo sendlu yeeNkosi zemveli. “Zonke ezinye izithili zomasipala zizakuthatha inxaxheba kunyulo lwesikhokelo, kodwa iNelson Mandela neSarah Baartman azizukuthatha nxaxheba kuba azikho iiNkosi kweza ndawo,” uthethe watsho uNgam.

Uhambisa athi injongo yabo ephambili kukubuyisa isidima seeNkosi zemveli ukuze zihlonitshwe kwakho. “Kwakweli gqiza lizakuphuma apha kukho amalungu ekumele ukuba aye kumela iMpuma Koloni kwiNdlu yeeNkosi kuzwelonke,” utsho uNgam.

Amashumi amathandathu eepesenti ekhulwini kubameli kulindeleke ukuba ibeziiKumkani, iiKumkanikazi neeNkosi, ukuze iiNkosana, abameli bezi zindlu kunye nezibonda benze amashumi amane ekhulwini eepesenti, itsho ingxelo. “Oomama bazakumelwa kodwa ngenani eliselincinci okwangoku njengesiqhelo, kodwa bakhona nabo kwesi sikhokelo sizakonyulwa,” ucacise watsho uNgam.

Ngokwengxelo, umphathiswa wela sebe uFikile Xasa, umanxada-nxada ejikeleza kumakomkhulu ethetha neeKumkani, iiNkosi nabameli bezindlu zeeNkosi ezikwinqila ezahlukeneyo. Kukho iqela leeNkosi ezithe zancokola neli phephandaba malunga nesikhokelo sale ndlu nezithe zathetha ngazwinye zisithi makabuye abengusihlalo wale ndlu kwakho uNkosi Mwelo Nonkonyana wesizwe samaBhala emaMpondweni.