Amazwi ovelwano emva kokubhubha kobesakuba nguSodolophu

CAPTION: Obesakuba nguSodolophu waseKing Sabatha Dalindyebo uSiyakholwa Mlamli ubhubhile emva kokuqukuleka UMFANEKISO: FACEBOOK

Obesakuba nguSodolophu waseKing Sabatha Dalindyebo uSiyakholwa Mlamli ubhubhile emva kokuqukuleka kumzi wakhe eMdlekeza eNgangelizwe eMthatha ngenjikalanga yangoLwesithathu. Ngokwengxelo, uMlamli uqukuleke endlini wababushwabana emva koko kwenziwa iinzame zokumsa kwisibhedlele iNelson Mandela Academic apho achazwe njengosele ebhubhile. Amazwi ovelwano ayaphokoka kwikhasi lakhe likaFacebook, nanjengoko abahlobo bengazikholelwa ezindaba.
 
Oku kungokuba uMlamli ugqibele ukubhala kuFacebook wakhe emini emaqanda ngoLwesithathu ebuza ngenkomfa yoonondaba ebisenziwa yiANC Youth League yaKwaZulu Natal. Kulo mbhalo wakhe, uMlamli uthe: “Inoba kuyaliwa kodwa eKZN i most [ubuninzi] yezi Cdes zikule pressser zinee nduma ngaphambili.”
 
Obesakuba yinkokeli kwiCope eMpuma Koloni uMbulelo Ntenjwa udlulise amazwi ovelwano, ebhala kuFacebook kaMlamli. “Ngenene ukufa yinyaniso. Indihleli le nto kaSiyakholwa Mlamli…..hay Bawo sincede singafi singalugisanga.”
 
Naye uMlimandlela Ndamase ukwabhale kuFacebook wakhe. “Lala ngoxolo Nobhala! De sibonane kwelizayo! Siyakholwa Mlamli#Bhayi  #Msuthu  #Mkhumbeni.”
 
UNobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane, oseMthatha ukuza kumamela ityala elimalunga nesikhokelo seANC e-OR Tambo, naye ubonakele enxunguphele ngumphanga kaMlamli. “Ekudliweni kobom sikwasekufeni yinyaniso leyo kucacile,” utshilo uMabuyane kuFacebook wakhe.
 
UMlamli, obenguSodolophu eKSD ukusuka ku2006 ukuya ku2011, ukhe wanguNobhala weANC eOR Tambo. Ebhubha nje ebesebenza njengegosa eliphezulu kumasipala wesithili iOR Tambo.