Abazali mabancancise isizukulwana ngembali

NgoLwesibini kule veki isizwe sonke besikhumbula umhla wokushiywa kwethu ngutata uBantu Stephen Biko, nongomnye wamagorha omzabalazo wenkululeko yabantu abantsundu kweli.

Lo kaBiko wabhubha eseluvalelweni lwamapolisa ngenxa yamanxeba nezivubeko zokubethwa kwangawo. Ubengomnye wabaseki bokuqala bentshukumo yokulwela inkululeko yomntu omnyama, kwaze neemfundiso zakhe zagqama ngakumbi emva kokuba eswelekile.

Ayizokusinceda into yokuba siyishwankathele lembali yokukhululwa kwethu, ngokuba ininzi into elibalekayo kwaye nebalulekileyo engakhankanywayo.

Yenze lo nto kube lula ukuba imbali yomzabalazo wenkululeko yethu ingxengwe. Rhoqo ndifumana ithuba lokuncokola nesi sizukulwana sizalwe emva konyaka ka1994 ndiye ndikhulelwa lixhala lokuba imbali yethu, namagorha kwimbali yethu azakulibaleka kungekudala, ngokuba abekho abantu abazondelele ukuxhobisa abo basakhulayo ngebali elide nelibuhlungu lokukhonkxwa nokukhululwa kwethu.

Umbuzo uhleli undizungula ngowokuba kanene luxanduva lukabani na ukuxhobisa esi sizukulwana sizayo ngembali yethu?

Ingaba lolukarhulumente namasebe akhe ahlukeneyo? Ingaba ngamaziko ezemfundo nabahlohli awo?

Okanye indima ethile bekumele idlalwe ngabazali? Ngubani ekumele ukuba uyaqinisekisa ukuba amaqhawe ethu awalibaleki, kwaye neemfundiso zawo azideleleki?

Ndiyafuna ukuthi le yimhemhe yababhali bakhe babhale udederhu lweencwadi ezizakuzivelela zonke iinkalo zembali yethu bantu bantsundu beli lizwe.

Kodwa ke nabo abo bebekhona kumzabalazo wenkululeko banoxanduva lokuyishicilela eyabo indima nezinto ezabehlelayo ngela xesha khona ukuze kungabikho nanye into elibalekayo njengokuba iminyaka ihamba nje.

Olona xanduva lukhulu mna ndilubeka emagxeni abazali ukuba bafundise inzala yabo ngezigigaba ezathi zehla khona ukuze sibe sisizwe esikhululekileyo kunanamhlanje.

Inkxalabo yam yeyokuba esa sizukulwana sasikhona kumzabalazo wenkululeko sizakude sibhubhe lingashicilelwanga lonke ibali lethu.

Ithi loo nto kukho isizukulwana esizakukhula siphile singayazi ncakasana ukuba indlela esingise enkululekweni yayinjani na, kwaye nesiza kuyithatha khaphu-khaphu intlungu yamagorha ethu.

Ndlela le esi sizukulwana sisakhulayo siyixabise ngayo inkcubeko yaseNtshona, indixelela ukuba kungephi sizakuphulukana neyethu inkcubeko nobuthina.

Bazali masibabalisele abantwana bethu ngamabali enkululeko nomzabalazo besakhula, khona ukuze bazazi ukuba basukaphi.

Xa isizwe singayinanzanga imbali yaso kulula ukuba siziphinde iimpazamo ezadlulayo ngenxa yokuba singazi.

Ukanti umsebenzi wembali kukufundisa nokulumkisa ukuba kungaphindi kwenzeke zibi ezifana nezo. Masingoyiki ukubalisela isizukulwana esisakhulayo ngembandezelo esidlule kuyo, singoyiki ukubabalisela ngenzima esiyiviswe luhlanga lwabamhlophe apha elizweni loobawo bethu.

Ulutsha malufumane ifuthe kumabali angamagorha afana nooBantu Biko aba. Malufumane umkhombandlela kwiimfundiso zamadoda nabasetyhini abafana naba.

Amabali ooLillian Ngoyi mawavezwe, amahla-ndenyuka ooWinnie Mandela mawashicilelwe, iintlungu ezaviwa ngooSolomon Mahlangu mazivezwe lubala, kuphile isizwe.

Ukuba asizazi sivela phi asisoze sizazi ukuba sibheka phi. Malifundiswe lishunyayelwe kumaqonga onke ibali lobukhoboka bethu ezweni lookhokho bethu, khona ukuze kuhlume ukuzazi nokuzihlonipha kuthi.

Asoze libekhona ihlumelo lamathandazwe ukuba imbali yethu siyiyekela kubantu basemzini ukuba ibaliswe ngabo. Makubekho imiboniso bhanya-bhanya ngale mbali, mawavulwe amehlo ethu sonke ekubalulekeni kwale nto.

Baliselani abantwana benu ngembali yesi sizwe iselithuba, bengekalahli imbo yabo ngophoyiyana.