UDan Malesela ukhonjwe emnyango yiChippa United

Dan Malesela coach of Chippa United during the Telkom Knockout Last 16 match between Highlands Park and Chippa United on the 21 October 2016 at Makhulong Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iindaba ezingenayo zithi izikhulu zeChippa United zimnike uphum’ aphele uDan Malesela kobu busuku banamhlanje. Esi sigqibo siza emva kokubethwa kweChippa United ngo’3-1 yiBaroka FC kumdlalo wePSL obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium izolo ebusuku. Kule sizini iChippa ibidlale nje imidlalo emithathu; iphumelele wanye yaze yabethwa kwemibini. Kucacile ukuba ziziphumo zayizolo ezibangele ukuthwa kwakhe umqeqeshi.

“Ewe, ndikhululwe liqela. Andothukanga ngoba yinto ebendiyilindele le. Xa usebenza kweli iqela, yinto le ohlala uyilindele ngamaxesha onke. Andiqondi ukuba ndakuze ndubuyele apha kwakhona,” utshilo uMalesela kwiTimesLIVE.

Kwisizini ephelileyo uMalesela ukhe wanqunyanyiswa sekusondele ixesha lokuphela kwesizini ngenxa yeziphumo – kodwa waphinda wabuyiselwa ngenxa yokungaguquki kwemeko.Akukacaci ukuba ngubani oyakuthi athathe indawo kaMalesela njengokuba iChippa United izakundwendwela iPlatinum  Stars ngempelaveki.