Amakhosikazi akanalwazi ngomhlaza wesibeleko

BALELE kwisibhedlele saseFrere eMonti benyangelwa umhlaza wesibeleko emva kokungena kwesi sibhedlele bengayazi ukuba bagula yintoni, kodwa ngoku banolwazi ngalo mhlaza kwaye bacinga ukuba kufanelekile ukwabelana ngawo namanye amakhosikazi.

Amakhosikazi amabini, akwiilali zaseMpuma Koloni, axelele I’solezwe ukuba ayengazi nowathwethwa ngethuba eqalwa ziimpawu zomhlaza wesibeleko.

Akuthethe oku ngethuba uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uGqirha Pumza Dyantyi, ebetyelele eFrere ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, ephelekwa ligqiza lesebe kuzwelonke, ukuza kusungula imigaqo-nkqubo emitsha ngokumayelana nonyango lomhlaza webele nesibeleko.

UThembeka Ngxange (71) waseLukhwethu eMthatha, uthi waqaphela iintlungu ezingaqhelekanga emzimbeni wakhe, ze oko kwakhatshwa kukudinwa ngokukhawuleza nokungakwazi ukuhamba kakuhle.

“Ndaya kugqirha eMqanduli wandixelela ukuba isibeleko sam sinengqele. Ugqirha waseMqanduli wandithumela eMthatha General, ndaya kwicandelo lonyango lwezifo zamakhosikazi, ndaxilongwa.

“Emva koko oogqirha bandixelela ukuba ndinamadlala apha esibelekweni, bekwathi umlomo wesibeleko sam unamaqhakuva. Ndathunyelwa eFrere eMonti, apho oogqirha bandixelela ukuba ndinomhlaza wesibeleko,” utshilo uNgxange.

Yena uThumeka Klaas waseBhongweni eMonti, uthi wathi akuva ukuba unomhlaza wesibeleko, wankwantya luloyiko kuba beqhulana bengamakhosikazi besithi umhlaza wesibeleko unyangwa ngokuthi utshiswe nge-ayini eshushu apha kumazantsi esisu.

“Eyona nto endandiyoyika yile yoku-ayinwa isibeleko, kanti lulwimi nje lwasekuhlaleni,” kutsho uKlaas. UKlaas uthi wayengayazi ukuba uqala kanjani umhlaza wesibeleko.

“Ndaqaphela ukopha apha ngaphantsi ngendlela engaqhelekanga, ndingayazi ukuba ndigula yintoni. Emva kokuba ndixilongiwe kwafumaniseka ukuba ndinomhlaza wesibeleko,” utshilo uKlaas.

Onke la makhosikazi angcono kwimeko yawo, kwaye kuyacaca ukuba azakukhululwa esibhedlele. Bobabini, bathembise ngokwabelana namanye amakhosikazi ngesi sifo. UKlaas uthe: “Ndazi ngcono ngoku malunga nalo mhlaza. Ndiza kubaxelela nabanye, ukuze bahlale bewulumkele.”

UNgxange uthi inqabile incoko malunga nomhlaza wesibeleko kumakhosikazi. “Xa ndifika ekhaya ndiza kubaxelela ngolu daba, ndithi mabaphakame bazivavanye,” utshilo uNgxange.

UDyantyi uthi namakhosikazi afundileyo akanalwazi ngomhlaza wesibeleko.

“Lo nto isixelela ukuba kufuneka siqine kwimisitho yokuxhobisa amakhosikazi ngomhlaza webele nesibeleko.”