Kubulewe amakhosikazi amathathu kuCentane!

 Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uPumullo Masualle, ekunye nomkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Lt Liziwe Ntshinga, batsho ngazwi linye bekhalimela izenzo zokubulawa kabuhlungu kwabantu abangoomama abangakwazi ukuzilwela. 


Ezi ntetha zilandela emva kokuba kuse  kubulelwe oomama abathathu ngoonqevu abangaziwayo kwilali yaseNgunduza kuCentane.

 

“Siphuma kwinyanga yamanina ebijongene nokulwa kokuphathwa gadalala kwamanina kwakunye nabantwana apho besishumayeza uluntu ekubeni iphele into yokubulawa koomama ngokungenalusini abangakwazi ukuzilwela. Sizakuqinisekisa ukuba urhulumente  uwathathela phezulu amatyala okuxhatshazwa koomama,” utshilo uMasualle.

 

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, ithi konke oku kulandela emva kokuba kugaleleke amadoda amabini exhobile kwikhaya lexhoba lokuqala apho inina elinamashumi amane anesihlanu ubudala lidutyulwe labhubha phambi koonyana balo ababini ngentsimbi yesithoba ebusuku.


“La madoda adlulele kumzi ongekudanga kunexhoba lokuqala apho afike adubula abulala oomama ababini,  onamashumi amathandathu (60) ubudala nonamashumi amane anesithoba (49). Abantwana ababini abaneminyaka esithandathu baphume babaleka bayokuchaza kubamelwane,” utsho uManatha.

 

Uthi unobangela wokubulawa kwabo awukaziwa usaphandwa ngamapolisa kwaye amapolisa alandelela kwimikhondo eza nabantu ngaphambili nangona nje kungekabanjwa mntu.