‘Sizunywa ngoonyana bethu’

Abahlali baseMdantsane eNU1 kwihlathi abathi malichithwe Umfanekiso: Siyanda Janties

Iqela lamakhosikazi akumatyotyombe akwaNondula kwa-N.U 1 eMdantsane lithi lixakene nomkhwa “wokuzunywa” ekuseni nangokuhlwa ngoonyana babo abatshaya iziyobisi kwihlathana lale ndawo.

“Xa sisiya emsebenzini ekuseni bayasirhawula basizumele kweli hlathana. Kukwanjalo naxa sibuya kwiindawo zolonwabo ngokuhlwa, bayasinqakula basizumele kwakweli hlathana bebancinci benjalo,” utshilo uNolufefe Yaphi, umhlali wale ndawo.

“Sicela urhulumente angenelele atshise okanye acoce eli hlathi kuba siyaphela kukuzunywa ngaba bantwana,” waleke njalo uYaphi. Lo mkhwa wolwaphulo-mthetho kuthwa wenziwa ngamakhwenkwe aselula ubukhulu becala kule ndawo. Kuthwa baqala kwiminyaka elishumi kwaye bakwaqatsele apha ekumosheni naphaya esikolweni. Batshaya isiyobisi abasenza ngetshokhwe abayiba esikolweni.

UBheluza Luwi uthi abahoywa ngumasipala kuba kusithwa bangena ngetshova kula mhlaba, nangona nje esithi bawunikwa umbane kwakunye namanzi njani kanti bangena ngetshova kumhlaba lo.

Omnye umhlali uVuyelwa Ngozi, yena uthe “Asiyanga emapoliseni ukuyo kuyichaza le nyewe kuba amapolisa awanayo inyani, ahleli ethengwa kungcono kwa iikomiti kuba zizo eziye zilungise imeko.” Utata wendawo uFumanekile Kose, uthi balindele ukuhlaselwa nanini kwindawo zabo zokuhlala kuba kugcwele izihange zabantwana babo. Uthi umnqweno wabo kukuba urhulumente asabele kwisikhalo sabo sokutshabalalisa ela hlathana. Kutshanje abahlali bale ndawo batshise indlu yengca ebiyakhiwe ngoonqevu kweli hlathana. Uceba wakwa-42 uMapuka Senduka akaphendulanga kumyalezo I’solezwe beliwushiyile ngalo mba.