Inqununu yaseBambanani J.S.S. iphendula izityholo zesincwaso nokuphatha gadalala abasebenzi

Oyinqununu kwisikolo samabanga aphantsi iBambanani JSS ekwintshona yoMthatha eJoe Slovo Park, uMnu Lonwabo Bango, ujongene nezityholo zokuphatha gadalala abasebenzi.

Ezi zityholo zivezwe ngobengumabhalana kwesi sikolo uThabatha Feke, nothathe amanyathelo omthetho ekhala ngelithi ude waxhatshazwa nangesondo yinqununu, kwaye wabhalelwa imiyalezo emcela ukuba angqengqe ukuze afumane imbuyekezo yomsebenzi wakhe.

OkaFeke uphinde wabhalela iphepha-ndaba loluntu I’solezwe, ekhalela ukunyhashwa kwamalungelo akhe ngokaBango edibene nesigqeba solawulo iSGB. Uthe uphangele iinyanga ezisixhenxe ukusuka kweyoMsintsi kunyaka wama2016, ukuya kweyoKwindla kulo umiyo engafumani nesephu le, kodwa etshoniswa macala onke. Ingxelo evela konolwazi ithe, uThabatha uye wayokuvula ityala elithe labona okaBango evela phambi kwenkundla ngomhla we28 kaTshazimpuzi, nalapho kwafunyaniswa ukuba izityholo abekwa zona azinasihlahla. Olilungu leSGB uthe ngomhla we-18 kwekaTshazimpuzi kwintlanganiso namalungu alishumi elinanye eSGB, uThabatha wavuma ngelithi ebengenasivumelwano kunye nesikolo nto nje ebelindele ukuba emva kwexesha elide kangaka ezinikele bekufanele ukuba uyavuzwa.

Kulo ntlanganiso kwavunyelwana ngokuba le ntokazi inikwe igumbi bucala nalapho yayizakubhala incwadi elungisa lentsuma-ntsumane ize ayityikitye ithunyelwe kwisebe, kodwa kwindlela eya kwelo gumbi kuvakala ukuba wathathwa ngomnye wabasebenzi onguNksz. uQhina nekuvakalayo ukuba akalali ngangub’ enye nenqununu, waphuma naye ngaphandle kwesikolo, ngaphandle kwemvume yenqununu. Ngomhla we-19 kwafika incwadi ivela kwisebe, iveza eli cala lokuxhatshazwa ngesondo. Ekuqwalaseleni le ncwadi, enye yeentatheli zethu yaqaphela ukuba ukusetyenziswa kolwimi kunye nokuhamba kwesandla akufani noko kweencwadi ezabhalwa nguThabatha ngaphambili.

Igqwetha elinguThanduxolo Qhina, nongumyeni walo msebenzi ukhankanywe ngentla, ungqinile ukuba uThabatha umelwe nguye kwiinkundla zomthetho, wadiza ukuba ityala eli balithathe balisa kuSouth African Council of Educators (uSACE) emva kokuba bebonile ukuba isebe lezemfundo lirhuqa iinyawo. Kudliwano- ndlebe nathi uthe, “Uphando luyaqhuba kwaye eli tyala linobuzaza kakhulu kangangento yokuba linikezelwe kwiintloko zabacuphi uCol. Ntanjana noCapt Mahola, kwaye lichotshelwe yintloko yabatshutshisi uNksz. Xhalisa. Imiqathango yokusebenza kootishala ayimvumeli umphathi ukuba abenobudlelwane nabasebenzi bakhe, ingakumbi ke lo mnqa wokuba abenabafazi abathathu esikolweni asiphetheyo”.

UThabatha waveza ukuba inqununu le yagqibela ngomhla wama-24 kweyoKwindla ukumxhaphaza ngokwesondo, kuphando lwethu safumanisa ukuba ngalo mhla inqununu le yayisenza umnyhadala wombulelo wonyana womkhuluwa ekhayeni eMqanduli. Okunye okurhuqisa umrhaji zizityholo zokuba okaBango wazama ukuphatha-phatha le ntokazi kumzimba ongezantsi kwi-ofisi yakhe, nangona kukho abasebenzi abahlala kanye kufuphi nomnyango wayo abadla ngokuva nohlebezayo umntu ngaphakathi kwale ofisi kodwa ngolwa suku zange bave kwanto, ingakumbi isikhalo neentetho ezingaqhelekanga.

Omnye wootishala besi sikolo nothi ebengoyena mntu le ntokazi ibikhuphela kuye izinto, uthe zange akhe ayithi thsuphe kuye le yokuxhatshazwa kodwa umazi engumntu obalaseleyo ukuthimba abantu esithi zizinqanda-mathe zakhe, watsho ekhankanya umfana owaba lugcwabevu akuva ukuba isikolo sonke simazi njengomlingani kaThabatha engazange wanesivumelwano naye.

Eziphendulela kule nyewe, okaBango ungqine okuthethwe lelinye lamalungu eSGB lisithi, ezi zityholo ngamalinge nje okumbhukuqa enziwa ngabantu abangamfuniyo ngaphakathi emsebenzini. Uthe, “UThabatha ndimazi njengomntwana wam owafika kum ecela ukunikwa ithuba lokuvolontiya ngeenjongo zokufumana amava ngaxeshanye agace ukuze xa kuvela ithuba lomsebenzi osisigxina isikolo sikwazi ukunika ubungqina ngomsebenzi wakhe.” Wongeze ngelithi, wothuke xa efumana

imbalelwano kumnxeba wakhe isithi, “Mfundisi ndirhola nini,” waphendula ngelithi, “Thetha nosihlalo weSGB.” Oku uthi ukuthethe ngenxa yokulindela ukuba imbalelwano elolu hlobo ingasuka komnye umabhalana wakwaSgonya onesivumelwano nesikolo.

Woleke ngelithi, “Emva kwamalinge aliqela iSebe lezeMfundo linika ingqwalasela kulo mba, laye lasicebisa ngelithi masimnike imbuyekezo eyiR3500, eziR500 ezisixhenxe ukuze lufikelele esiphelweni olu dushe luchaphazela inkqubo yokusebenza. Le R500 ivele ngenxa yokuba wayefake izikhalazo kwisebe esithi kukho abanye abasebenzi abane abangabalimi kunye nabacoci besikolo ababhatalwa zona ngethuba yena esebenzela ilize. Kuthe kungekudala kwafika incwadi evela kwa-L.Qhina and Sons isithi le ntwazana ifanelwe yiR10 500 eziiR1500 ezisixhenxe kuba yimali efanele ukubhatalwa abantu abenza lo wakhe umsebenzi.

AbakwaSACE bafikile ngoMvulo we28 kweyeThupha bekhatshwa nguMnu. uQhina bezokwenza uphando nalapho bafumane ithuba lokuba baphefumlise abasebenzi abaliqela. OkaQhina uthe inqununu bafike ingekho nangona ibinolwazi ngolu tyelelo, watsho esithi yena ukubiza oku njengoku ‘baleka’. Uphando lusaqhuba kwaye abakwaSACE basathe gqolo ukuthetha nabasebenzi besikolo ngeenjongo zokuva macala onke.