U-Ottis Gibson ngumqeqeshi omtsha weProteas

Indoda eyaziwayo jikelele kwiqakamba yehlabathi, * -Ottis Gibson, yiyo etyunjwe yiCricket South Africa njengomntu ofanelekileyo ozakuqeqesha iStandard Bank Proteas.

Le ndedeba izakuthatha esi sikhundla ukusukela kulo nyaka ukuyokuma emva kwendebe yehlabathi ngo’2019. Kwangaxeshanye, iCSA ibhengeze uRussel Domingo njengomqeqeshi weSouth Africa A, endaweni kaShukri Conrad ozakubuyela kwiPowerade National Academy.

UGibson, 48, usebenza njengomqeqeshi wabadlali abajulayo beNgilane kwaye ukhe wakwanguye nomqeqeshi oyintloko kwiWest Indies.

Ngexesha lakhe uGibson wayengumdlali ophambili kwiWest Indies kwaye phantsi kwegama lakhe udlale imidlalo ekumakhulu amane kwiBarbados, kwiBorder, Gauteng, Northern Cape naseNgilane. Enye yezinto awaziqaqambisa ngayo esengumdlali kungethuba ethatha oothinti abalishumi kumdlalo owawuphakathi kweDurham neHampshire ngo-2007 ngokokutsho kweSuperSport.

“Emva kokulandela inkqubo yokukhangela umqeqeshi, namhlanje samkela * -Ottis Gibson njengomqeqeshi weProteas,” itshilo ingqonyela yeCSA, uHaroon Lorgat.

“Imbali yakhe esengumdlali intle kakhulu kwaye lo nto ithi iProteas isezandleni ezifanelekileyo. Emva kokudlala ixesha elide eMzantsi Afrika, lo kaGibson sicinga ukuba uzakuqhela msinya ngoba unolwazi lweqakamba yalapha. Sifuna ukubulela umsebenzi owenziwe nguRussell Domingo – ndiyavuya ngoba uzakuhlala njengomqeqeshi weSouth Africa A,” utshilo uLorgat.

“Ndiyavuya kakhulu, ndiyayibulela iCSA ngokundinika ithuba. Ndihleli ixesha elide apha eMzantsi Afrika ngoku ndibuyela ndingumqeqeshi,” utshilo uGibson.