‘Senziwa izibhanxa ngamapolisa aseMonti’

Abahlali baseOrange Groove eMonti bakhalazela amapolisa aseFleet Street kwesi sixeko besithi asabela kade xa ebizelwa izehlo zolwaphulo-mthetho.

Uceba we-EFF kummandla waseOrange Groove eMonti, uOlga Thwalingca, uthi umntu ude afe nokuba ebengazukufa kule ndawo ngenxeni yokungahoyi kwamapolisa xa ethe abizwa ngabahlali besengxakini. UThwalingca uthi “ngoongantweni” amapolisa aseFleet Street. “Into endenza ndide ndibenomsindo kukuba kudala sakhala ngamapolisa aseFleet Street, akukho nto yenzekayo.

Eye icaphukise nangakumbi kukuba elo lithe labamba ifowuni ipolisa liye lithi liyeza kuse oko sijonge enkalweni. Xa uphinda, obamba ifowuni athi naye uyeza masilinde usendleleni ezayo.

Uthi kwisiganeko sempela veki esisuka kuyo uqhekezelwe ifesitile yakwakhe yaphela yindoda ibileqa unkosikazi wayo nobelele kwakhe kuba ebebaleka ukubethwa yindoda leyo.

“Unkosikazi wendoda le ubelele kwam kuba ebaleka ukubethwa yindoda yakhe, ifike yaqhekeza ifesitile yakubona ukuba emnyango asivuli. Siqale ngokufowunela amapolisa kuba azokugrogrisa le ndoda ibetha unkosikazi wayo athe ayeza ndaphela ndiyomzimelisa endlwini yam kuba amapolisa angade afike. Saphinda sawabiza kuba ophule ifesitile yam athi ayeza, ndisalinde nangoku oko ayethe ayeza,” Uthi icebo malenziwe ngamapolisa angakhathaliyo kuba bayaphela abantu eOrange Groove. Isithethi samapolisa aseMonti uWarrant Officer Hazel Mqala sithi