Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela ukulawulelwa eli phupha. Ndiphuphe ngathi ndishiye abantwana kwam, ngathi ndibona sesisekhaya-khulu nabantwana bam, bakhona, bayalila balele phantsi. Umakhulu owayeswelekile ubekwa ebhedini kuthiwa uswelekile kwakhona.

Impendulo: Buyelani kwakhaya-khulu apho. Kuyacaca ukuba kukho umsebenzi ekufuneka wenziwe khona apho.

Iphupha: Camagu Tata. Ndiphupha ndibona isilwanyana esifana ne-leopard, ingathi sibaleka ethafeni sileqwa yinja emhlophe.

Okulandelayo, ndibone ndisidla inyama ingathi zimbambo, ndiboniswe imilenze yale mpahla ndidla inyama yayo, kubonakale ingathi sesi lwanyana ngokwe mibala ifana nale ndiyibale apha, kodwa into endixakayo le milenze ingathi yeyenkomo okanye izebra. Kodwa imibala yeyezilwanyana zasehlathini.

Ndibone ingathi ndiphethe isuti embala ugray ndithetha nesekela mongameli welizwe uRamaphosa, siyahleka silungiselela umcimbi ndaweni ithile. Andingomntu wepolitiki. Ingaba lithetha ukuthini?

Impendulo: Yenza umcimbi ekhayeni nokuba yibhekile ukhe uphe izinyanya zakho kuba kuyacaca ukuthi nazo kukho nto ezifuna ukunika yona.

Iphupha: Xa uphupha uloba iintlanzi, lithetha ukuthini?

Impendulo: Lithamsanqa elo.

Iphupha: Ndiphupha ndiwelwa ngamazinyo, phupha eli lindihleli, ayipheli inyanga ndingaliphuphanga.

Ingathi ayankuphuka apha kum emlonyeni ndiwatice ndive kabuhlungu ndothuke ndikhubekile. Ingaba lindithe ncaa ngabuni eli phupha?

Impendulo: Camagu. Uyathwasa wena, vuma ke umshologu uzokuphila.

Iphupha: Ukuba uphupha uselwandle, inkomo engwevu nemdaka ndiphakathi kwazo, ngakwelo lwandle kukho abanxibe iimpahla ezimhlophe ngapha izangoma zinxibe izikhumba lezi zakwazulu, kunendoda eme kude eze ngecala engingayiboni ukuthi ngubani?

Impendulo: Camagu. Bubugqirha obo, kuthetha ukuthi nawe uyabizwa khona ebugqirheni. Yamkela ke ubizo.

Iphupha: Ndiphuphe umzi wam udiliziwe qha xa ndifika izitena namazinki azimoshakelanga, qha zibekwe ecaleni, ndifike ndikhale.

Impendulo: Ndicebisa ukuba uye emntwini kuba iphupha libonisa ingxaki ozakuqubisana nayo.

Iphupha: Camagu Tata. Khandilawulele apha, ndiphuphe usisi wasebumelwaneni basekhaya esithi kum, yazi bendikufuna kuba kukho indlu ethengiswayo eyiR50 000 ngoko ndiyacinga uyayifuna kuba kudala ufuna indlu. Wandisa ke kulo mzi, kodwa safika sekusithiwa seyithengiwe kodwa akakayibhatali lo mntu uyifunayo uyeza naye ngoku, kodwa asahamba salinda kuba sifuna umbona ukuba uzode afike na. Mna ndangqengqa ecaleni kwale ndlu emthunzini, kukho ikhula elifukufukwana. Ndothuka sendixholwa kabuhlungu eminweni ziinyosi ezimbalwa, emilenzeni kukho namaphuphu amancinci amabini. Ndaphakama ndibaleka ndaphuma ngapha kwe yadi kodwa ndiphinde ndazibona sendibuyele endlwini ndicenga le ndlu ngonyusa imali ibeyi R70 000 kodwa akavuma utata walapha, waphuma waphangela, ndashiyeka nomama walapha wayokuvula kwenye yezindlu ehamba nam. Xa eqal’ ukuvula ngesitshixo wathi, yhu! kuyatsha, wabaleka wayokukha amanzi etepini ngegqongo elincinci, nam ndabaleka ndamncedisa ndikha ngebhakethi kweli gqongo, wabe umlilo ugqenge-gqenge phezu kwendlu kuba uphahla lolwamaplanga, ndacima ndodwa lo mlilo wade wacima, kungekho monakalo.

Impendulo: Camagu. Eli phupha lichaza ngemeko yakho yobomi, indlela ophila ngayo kwakunye nezinto ezingumceli-mngeni odibana nazo. Eli phupha liphinda lizame ukulumkisa ngesigqibo sakho onaso kwakunye nokungaxoli kwezinyanya zakho ngesigqibo eso. Kuyacaca ukuba isigqibo eso sizakuzisa iingxaki ebomini bakho kungoko ke unikwa ithuba lokuba ulungise lo meko. Camagu!

Iphupha: Camagu mnt’omdala. Ndikhulelwe kwaye ndingabeleka nanini na, kodwa ndisand’okuphupha ndidada emanzini acocekileyo kodwa kona ndingumntu okoyikayo ukudada kakhulu, kodwa kweli phupha ndiqubha ndiyokuphumela ndiphinde ndibuye.Ingaba lithetha ntoni? Ekhaya ayingabantu abamhlophe, abantu bomlambo kwaNxuba.

Impendulo: Camagu. Andivumelani nawe xa usithi kowenu aningobantu bamhlophe kaloku indaba yobumhlophe awuyijongi kufutshane nawe, le nto iba ngumnombo omde.

Ukuza kwiphupha lakho kuyacaca ukuba umntwana lowo umthweleyo utyunjiwe ngamanyange kwaye anezicwangciso ngaye. Kuzakufuneka esakuba umntwana ezelwe aziswe ngokukhawuleza kwizihlwele zekhaya ngokwesithethe senu, oko kothi kunqande imimoya enokudodobalisa impilo yakhe.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp

063 743 9538