‘Siyavota kodwa sisela neehagu’

Amakhosikazi aseMswakazi uAyanda Dolwana noVuyokazi Gushede besuka emlanjeni UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

YIMINYAKA engamashumi amabini anesithathu ilizwe loMzantsi Afrika lixhamla inkululeko kodwa kwilali yaseMswakazi eSajonisi, oko iseyintetha nje, kuba abantu bale ndawo bathi ukuze babenamanzi baye emlanjeni.

Ilali yaseMswakazi yilali ehlelelekileyo, ngoko ke bambalwa kakhulu abantu abanemali yokuthenga amatanki ukuze bakhongozele amanzi emvula.

Ukungabi namatanki kwabo kuthetha ukuba umntu uyakuthi ukuze ahlambe, apheke okanye asele kufuneka kuyiwe emlanjeni.

Le nyewe ibeka umthwalo kumakhosikazi ale ndawo kuba ngawo ekufuneka eye emlanjeni aphinde ajongane nomngeni wokupheka nokucoca.

Ekutyeleleni le lali, I’solezwe libone amakhosikazi aselula amabini uAyanda Dolwana noVuyokazi Gushede bengcekelele amapheyile besuka emlanjeni.

“Njengokuba ezinye iilali zineetephu nje, eyethu ayinazitephu. Ukuze sikhe amanzi, kufuneka siye emlanjeni. Jonga ke xa kowenu kukho abantu abaninzi, siquqa emlanjeni nokuba kungamatyeli amane ngosuku. Asiyompilo entle leyo, kuba kunzima ukuhamba umgama omde usiya emlanjeni,” utshilo umhlali wale lali uAyanda Dolwana.

UDolwana uthi la manzi bawasebenzisa kuyo yonke into eyenziwa ngamanzi emzini, ukusuka ekuphekeni ukuya ekuhlambeni nasekuseleni.

UGushede yena uthi banqwenela urhulumente abakhele iitephu ukuze bafikelele lula emanzini.

“Iyasisokolisa into yokuba sakuthi size sibenamanzi siye emlanjeni. Mninzi umsebenzi esiwenza kumakhaya ethu njengamakhosikazi. Uthi ngoku udiniweyo, kufuneka uthathe ipheyile uye emlanjeni.

“Noko bekungafanelekanga ukuba siyasokola ngolu hlobo, ingakumbi xa singabantu abathabatha inxaxheba kuvoto. Ukuvota kwethu kuthetha ukuba sifuna ubomi obungcono, hayi le yokukha amanzi emlanjeni, manzi lawo agxojwa ziihagu,” utshilo uGushede.

Isithethi kumasipala wesithili iOR Tambo uAyongezwa Lungisa, walile ukuphefumla ngalo mba, noxa nje ebecele ukuthunyelelwa iinkcukacha. Umasipala wase-OR Tambo ngoyena unamagunya okunikeza iinkonzo zamanzi koomasipala abafana neSajonisi.