Indoda ixhatshazwe ngumfazi yade yaya engcwabeni

Ikhaya likaNoluyolo elitshiswe ngabahlali baseMandela Park, eMthatha

Kwintlanganiso ebibanjelwe kwindawo yaseMandela eMthatha, abahlali ababelugcwabevu ngumsindo bafunge bamunc’ iintupha besithi abanokuhlala nababulali.

Oku kwenzeke emva kokuba kufunyenwe umzimba kaJongi Magona owaziwa njengoTolo, ulele umbethe eDicolign Mission kwintshona yoMthatha ngentseni yangoLwesithathu umhla we-9 kweyeThupha.

Umfi oqikelelwa kwiminyaka engama-77 nobesele esitya umhlala-phantsi emva kokuchitha iminyaka eliqela ephangela kwelaseNgilane, wathi wazeka inkosikazi yakhe yokuqala eyalandulela eli imshiya nonyana ogama linguMzamo Magona.

Ingxelo esuka kubahlali idize ukuba umfi lo ubulewe linenekazi alizeke kanye emva kokushiywa ngulo wokuqala unkosikazi, baze bahlala kunye kwade kwehla esi sihelegu.

Ngethuba ingqokelela yabahlali indwendwele lo mrhanelwa unguNoluyolo Pretty Magona kwikhaya lakhe ngokufuna iimpendulo, uphike wama ngomlenz’ omnye ukuba unolwazi ngeenkcukaca zesi sehlo, kwade kwakhala uswazi, kwalapho adiza amahlebo esithi, “Ubulewe nguLitha, uYongama kunye noSanele ababethunyelwe ndim, ngenxa yokufumanisa ukuba uJongi uyandijolela”.

Bawuxulube ngamatye kwaloo mzi ulikhaya likaNoluyolo bawutshisa kanye phambi kokuba bafumanise ukuba le nkosikazi yokugqibela neqikelelwa kwiminyaka engama-26 izifihle kwindlu yangasese neentsana ezimbini.

Umzimba kaTolo ufunyenwe uncothulwe ilungu lobudoda kunye namatyhalarha ekuvakala ukuba elinye ligcinwe ngumama wenkosikazi, elinye laginywa lixhwele elaziwayo elinguPhantsi nelihlala kwaseMandela.

Obengumhlobo kaTolo, uNobuntu Lethuka owaziwa njengoFox uthe, “UTolo ebephila ubomi bentshontsho, ebalekela apha kwam eleqwa nguNoluyolo umhla nezolo, ndimfihle kule yam indlu. Lo mfazi uqale ngokukrexezisa uTolo kwangethuba ebesaqeshwe njengomncedisi yinkosikazi yokuqala, kanti ngalo lonke elo xesha uneenjongo zokuthatha indawo yayo yakusweleka.”

Wongeze ngelithi, “Ekutshateni kwabo uNoluyolo wamnyanzela ukuba athengise umzi wakhe, emthengisela ixhwele eliyimveliso nomhlobo omkhulu kaPhantsi ngendlela erhuqisa umrhaji.

Umama kaNoluyolo waphinda wamnyanzela ukuba uTolo ayokwakha ebukhweni ahlale khona, apho wafika wadibana nenkohlakalo engumangaliso eyamenza wayokuzifunela igumbi lokugxamesa ngemali ayifumana inyanga nenyanga yomhlala-phantsi.”

Abamelwane basebukhweni bathe, le mikhwa yokuxhaphaza nokubetha amadoda uyithabathe kulo mama wakhe uNoluyolo, owayethe gqolo ukubetha umyeni wakhe emini bejongile abantu maxa wambi ancediswe nguNoluyolo lo.

Inkosi yale ndawo uSimosakhe Memani uthi, “Nam ndilingqina lale mpatho-gadalala, kuba bendikhe ndasebenza noTolo kwikomiti kodwa kwanyanzeleka ukuba ndimkhuphe ngenxa yokungafumaneki kwakhe obekudalwa kukuxhanyazeliswa kwakhe leli nina. Singabahlali siyaqhubeka nokubamba iintlanganiso, siceba ukubuyisela umzi kaTolo kunyana wakhe oyinkulu uMzamo, ngaxesha linye siqinisekisa ukuba umthetho udlala indima yawo.” UNoluyolo waleqiswa esibhedlele ngamapolisa ngeenjongo zokumsindisa kwingqumbo yabahlali bale ndawo.