UTrollip ubenza izinja ooBobani?

UAthol Trollip esenza intetho yakhe eDespatch Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Imibutho yezopolitiko kurhulumente wobambiswano kumasipala waseNelson Mandela Bay ithi izakuqhawuka. Oku zithi zizakwenza kwintlanganiso yebhunga ezakubanjwa kule veki izayo kwaye usodolophu walo masipala uzakube ekhona.  
 

Ezi nkokeli bezivutha ngumsindo zigxeka uSodolophu uAthol Trollip ngokusengela phantsi eminye imibutho nangokunganikwa uxwebhu oluqulathe intetho yakhe phambi kokuba ayokuthetha esidlangalaleni namhlanje, eDespatch. UTrollip ebesenza intetho yobume bomasipala nesixeko sendawo kwiholo iErnest Swanepoel, eDespatch.

UYoliswa Yako, onguceba weEconomic Freedom Fighters (EFF) uthe bayayikhalazela indlela aqhuba ngayo usodolophu yokuzenzela, engabonisani namanye amaqela asebhungeni – esithi “phofu nalo ngxelo akukho nto iphucukileyo ngayo ngoba kusekho umkhethe ngokweenkonzo; iindawo zabamhlophe zisaxhamla ngcono kunezabamnyama!” UYako ukwathe abamhlophe babekwa phambili kumba wokwabiwa kwezitya zalo masipala.

Uvale ngelithi, “sizakudibana ebhungeni, uzakusixelela ukuba kulawula urhulumente wobambiswano okanye igqudu lakhe kusini na.”

Phandle ebebila ngumsindo uMongameli Bobani weUnited Democratic Movement (UDM) ngethuba ethetha neentatheli emva kwale ntetho esithi lo kaTrollip ubenza izinja.

“Wophula umgaqo nenkqubo ekumelwe ukusetyenzwa ngayo yimibutho ekumdibaniso worhulumento, akakwazi ukuziphatha uTrollip, bathi bazakundinika ivoti yokungandithembi! Xa bengobani!? Banaso isininzi phofu? Asiyofama yakhe le! Yonke la nto ebeyithetha andazani nayo mna njengosekela sodolophu nelungu lebhunga,” uthethe watsho uBobani.  

Ethetha kulo msitho uTrollip uvumile ukuba ukusebenza kukarhulumente womdibaniso kunemiceli-mngeni emininzi kodwa oko akubanga ngumqobo endleleni yalo rhulumente.

Esenza intetho yakhe, uTrollip uthe ekungeneni kwakhe wathembisa abantu bale ndawo [Nelson Mandela Bay] ukuba uyakusebenzela ukulwa ubuqhophololo, ukudala imisebenzi nokusondeza iinkonzo ebantwini. Ukwathe baninzi esele ebakhabe ezantsi emsebenzini ngenxa yomkhwa wobuqhophololo. Uthe iDemocratic Alliance (DA) noogxa bayo bayavumelana ngokungaqeshi ngobuhlanga.

“Sibubhentsisile ubuzwe obabusetyenziswa yiANC ekulweni i-apateyidi,” esithi le ngxolo iqhubekayo yeeGupta asinto evela e-Indiya njengoko kusitshiwo, koko yayingumgaqo weANC kwantlandlolo.

Kule ntetho kaTrollip amaqela ezopolitiko akhalazela ukuqeshwa nokugxothwa kwabasebenzi nabaqondisi bamasebe.