Uyazisola ngokubulala indoda yakhe ngedliso

WABULALA indoda yakhe emva kokuyidlisa kulandela ukucaphuka kuba le ndoda imithisa abanye abafazi, kodwa ngoku uthi ubhuqwa ngumvandedwa futhi uyazisola ngento awayenzayo.

Le nkosikazi, engazichazanga igama ngethuba itsalela umnxeba inkqubo yoMhlobo Wenene FM ethi Ukholo neNgqiqo, ithi yayibulala ngo2012 indoda yayo. “Usapho lwakhe lwayazi kwangoko ukuba ndim ombuleleyo umyeni wam. Ngoku olu sapho alundifuni ngenxa yento endayenza kunyana wabo,” itshilo le nkosikazi.

“Ndathatha isigqibo esigwenxa kuba ngokumbulala ndandicinga ukuba ndiza kuphumla kwinto yokusoloko ndikhathazwa nguye, kodwa endaweni yoko ndibhuqwa ngumvandedwa. Ndashiya naloo mzi kuba usapho lomyeni alufuni nokundibona,” itsho le nkosikazi.

Ithi yathabatha esi sigqibo kuba ibona ukuba le ndoda ineemali zayo ezigcine kwimizi egcina imali. Ithi le ndoda yayihambisana nabanye abafazi futhi yayisele inabantwana ngaphandle.

“Ndathi xa ndiyokubanga iimali zakhe ndafumanisa ukuba walitshintsha igama lam, wabhalisa elikamama wakhe noosisi bakhe. Ngoku ndandithatha isigqibo sokumbulala ndandicinga ukuba ndiza kutsho ndiphile kakuhle, obu bomi bufunwa ndim.”

Le nkosikazi icebise amanye amakhosikazi, isithi makazikhwebule kwimikhwa yokubulala amadoda kuba ayiso sisombululo eso.

“Koomama abacinga ukubulala amadoda abo, mabacinge kuqala kuba aba bayeni bethu ngabantwana babantu. Xa indoda ingakonwabisanga, thatha iimpahla zakho ugoduke kunokuyibulala.

“Ukuba bekunokuthiwa umntu uyavuswa, ngendimbuyisa umyeni wam kuba ndiqaphele intlungu kumama wendoda yam ukuba nyhani ayindim ndedwa lo mntu ebemthanda. Lo mntu unabantu bakowabo abebemthanda.

“Ewe, umyeni ebengandiphathanga kakuhle, ethandana, enabo nabantwana ngaphandle, kodwa uthando lwam kuye luhlala luvuke. Isigqibo sam sokuba ndimbulale asilibaleki, kangangokuba ngoku ndiyasela notywala – into endandingayenzi – ngenxa yomvandedwa,” kutsho le nkosikazi.

Le nkosikazi ithi ikhe yazama ukuba neqabane emva kokubulala indoda yayo, kodwa yaqaphela ukuba eli qabane liza kuba licinga ukuba unemali yendoda ebhubhileyo, ngoko ke lukhawuleze lwaphela olo thando. “Isithukuthezi ndisichitha ngotywala,” itshilo le nkosikazi.