Bawongiwe abenza iimveliso ngoboya bebhokhwe

 

Iqela lenkampani yaseBika eGcuwa, Ivili Loboya, lifumene elona wonga liphezulu ngethuba bekubanjwe umsitho wokuwonga amakhosikazi akwicandelo lezolimo kwihotele i-ICC eMonti ngokuhlwa kwangoLwesine .

 

Ivili Loboya, indibanisela eyenza uthotho lweemveliso ezenziwe ngoboya bebhokhwe ezintle kunene ezifana neempahla zokunxiba nezokuhombisa ngokohlukana kwazo, iqashe abantu abangaphaya kwamashumi amabini kwaye ithenga uboya, obukwaquka nobegusha, kumafama asakhasayo ale ngingqi angaphaya kwamakhulu amathathu.

 

Ivili Loboya, elikhokelwa nguGqirha Vuyo Mahlati, liwongwe njengeentshatsheli zephondo.

 

Ethetha ngala mawonga, uMphathiswa weSebe loPhuhliso lwaMaphandle kwakunye nezoLimo uMlibo Qoboshiyane, uthi le yindlela yokukhuthaza amakhosikazi akweli candelo.

 

UQoboshiyane uthi la makhosikazi aphuma nkalwana zonke zecandelo lezolimo ukuba ngabafuyi, abalimi kwanabavelisi,  kwaye uthi bonelisekile belisebe ukubona umgangatho weemveliso ezenziwa ngamakhosikazi.

 

Lo kaQoboshiyane ukwathe bazakuqhubeka belixhasa icandelo lezolimo eMpuma Koloni kuba ekholelwa ukuba ngowona mqolo kukhuselo lokutya ephondweni. Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ebewazimasile la mawonga nalapho akhuthaze amanina ukuba aqine nangakumbi kweli candelo.  

 

Amanye amawonga alo msitho lelo lomvelisi wasezilalini elifunyenwe lusapho lakwaDiko eAmathole, abavelisi abangamafama asakhasayo apho kuphemelele ifama iAbambo Farm yase-OR Tambo, abavelisi abangoomathenga ethengisa apho kuphemelele ifama iUitkomst yaseSarah Baartman, ze oyena mfama wasetyhini ogqwesileyo yanguZona Nzimande waseAlfred Nzo.