Ibiyimfazwe umdlalo wokuqala weMTN 8 namhlanje

James Keene of Bidvest Wits challenges Nkanyiso Mngwengwe of Golden Arrows during the MTN8 quarterfinal match between Bidvest Wits and Golden Arrows on the 11 August 2017 at Bidvest Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Emva kwexesha elongezelelweyo, iBidvest Wits yiyo ephumeleleyo. Ibethe iGolden Arrows ngo’4-3 kumapenela kumdlalo wokuqala weMTN 8 kobu busuku eBidvest Stadium. Umdlalo utshise zisuka – omabini la maqela abonakalisile ukuba afuna impumelelo. Bekungacaci nokuba abuya kwikhefu elide. Akukho nto ingenzekanga kulo mdlalo weWafa Wafa. Usompempe uye wanyanzeleka ukuba anike abadlali abane bonke amakhadi abomvu, emva koko ulandelise ngabaqeqeshi bamaqela omabini. Khange kuphelele apho ngoba ebaleni ibingandi yimfazwe. Nangona Abafana Bes’ thende ingabo abahambe phambili – kodwa amava weWits ayincedile namhlanje kwi-Arrows ebizimisele ngolona hlobo kulo mdlalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iGolden Arrows ihamba phambili emva kokufaka amagowuli amabini ngokukhawuleza kwisiqingatha sokuqala. Nangona iyiWits enkqonkqoze kuqala kwiimpondo zeendwendwe – kodwa amagowuli amabini afakwe nguLerato Lamola noKudakwashe Mahachi ayinyanzele iWits ukuba iwuthathe ngenye indlela umdlalo. Emva kwamatyeli aliqela bexhokonxa abadlali beWits abafana noJames Keene noDamjanovic – umdlali we-Arrows udlale kakubi umdlali weWits. Akalibazisanga usompempe, uyikhombe echaphazeni. UKeene uyithathe wayibeka ekoneni lo bhola. UThulani Hlatshwayo, ukapteni weClever Boys, uyibeke emnatheni ibhola – kodwa usompempe akavuma.

Kwisigaba sesibini umdlalo ubuthande ukuzinza nangona iWits ibiyiyo exheshayo. UMahachi, uPhiri noLamola bazamile ukudala amathuba – kodwa bekunzima kubo ngoba abadlali beWits bebevale mba emva. Igiganeko ezibini ezitshentshe lo mdlalo kungethuba kunikwa abadlali ababini amakhadi abomvu ngenxa yokudlala kakubi. IWits iphulukene noDamjanovic kanti bona Abafana Bes’thende baphulukene noPhiri. Uthe umdlalo kwakucaca ukuba awunalo iqela eliphumeleleyo, kwayiwa kwixesha lokuphumla. UGavin Hunt weWits noClinton Larsen we-Arrows baye bakhutshwelwa ngaphandle ngusompempe emva kokusebenzisa amazwi angamkelekanga kubaphathi bomdlalo. Umdlali we-Arrows wenze obona sebahlule ubuyatha ngethuba engquba uMhango nangona ebenqandelwe ngusompempe – lo nto icuthe inani labadlali beqela laseKZN ngakumbi. Emva kwexesha elongezelelweyo kungekho eliphumeleleyo, kuyiwe kumapenela.

  

Bidvest Wits: Josephs, Frosler, Hlatswayo, Damjanovic, Scott (Khumalo), Monare, Pelembe, Pule (Mhango), Hlanti, Claasen (Pienaar), Keene.

 

Golden Arrows: Gumede, Dube, Mngwenge, Mzava, Nonyane, Cele, Phiri, Jooste (Bilankulu), Mahachi, Magubane (Sibiya), Lamola.