Komphela: Asikwazi ukuphulukana noNomandela ebholeni

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uthi ibhola yeli lizwe ayikwazi ukuphulukana nomdlali unesiphiwo sokudlala ibhola ekhatywayo njengoLuyolo Nomandela. Le ndedeba yakwaKomphela ikuthethe oku kutshange ngethuba iseMonti – apho Amakhosi abethwe khona ngo’1-0 yiChippa United kumdlalo wePremier’s Cup. UNomandela ngomnye wabadlali abakhangela amaqela amatsha phambi kokuvulwa kwesizini ye-Absa Premier Soccer league ngokusesikweni kwiveki ezayo.

Lo mdlali wakhululwa yiCape Town City phambi kokuvalwa kwesizini yePSL ka-2016/17 ngenxa yeengxaki zekhaya ezazimphazamisa. Ukusukela ngoko kubenzima kakhulu ukufumana indawo. Kwilinge athe walenza kwiPlatinum Stars kwinyanga ephelileyo (kweli thuba lokuvalwa kwesizini) – akakwazanga ukuluphumelela uvavanyo. Lo nto ithethe ukuthi usecicini lokungafumani iqela kulawo adlala kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

Iyamkhathaza kakhulu lo nto uKomphela owakhe wasebenza naye kwiminyaka engaphambili kwiFree State Stars. “Ngumdlali oyidlala kakuhle kakhulu ibhola lowo. Ndiyathetha noNomandela – kodwa ke niyayazi ibhola ihamba kanjani. Mna apha (kwiChiefs) ndinabadlali abadlala ephikweni abalishumi bonke. Kukho abadlali endingabadlalisanga nakulo umdlalo. Ndiyanqwena inga angafumana iqela. Ngumdlali osezingeni eliphezulu – kodwa naye kufuneka azame ukuqhiza ezinye iingxaki ukuze ajongane nomdlalo wakhe. UNomamdela angadlala nokuba kukweliphi na iqela, into efunekayo kukulungisa nje izinto zakhe,” utshilo uKomphlela kutshanje.

UNomandela waduma kakhulu kwibhola yaseMzantsi Afrika ngethuba esengumdlali weFree State Stars isaqeqesshwa ngulo kaKomphela kwaye wade wadlalela neqela lesizwe – iBafana Bafana. Izinto azimhambelanga kakuhle emva kokuthathwa yiMamelodi Sundowns. Ngenxa yokhuphiswano phakathi kwabadlali abaninzi kwaye kwanyanzeleka ukuba kubolekiswe ngaye kumaqela afana neMoroka Swallows, wadlala kwiJomo Cosmos phambi kokuya kwiCape Town City ebekucingeleka ukuba angavuselela ikhono lakhe kuyo.