Luthando Zibeko: Sifuna ihlale apha yona indebe

UWillard Katsande weKaizer Chiefs kwakunye noSandile Zuke weChippa United kumdlalo weAbsa Premiership owawubanjelwe eMbombela Stadium kulo nyaka UMFANEKISO: Samuel Shivambu/BackpagePix

Abalandeli bebhola ekhatywayo eMpuma Koloni bazakufumana umdlalo omkhulu kungekaqali nesizini entsha yePSL.

Iqela eliphambili kweli phondo iChippa United lamkela iKaizer Chiefs kumdlalo wePremier’s Cup ekulindeleke utak’ iintlantsi ngo’15:00 eSisa Dukashe Stadium ngoMgqibelo.

Le tumente iququzelelwa yi-Ofisi yeNkulumbuso neBuffalo City Municipality. Rhoqo xa kudibana la maqela kophuka izikeyi – nakulo umdlalo kulindeleke into efanayo.

Emva kwesizini ka’2016/17 engayihambelanga kakuhle iChippa, ngoku uDan Malesela nabadlali, babila besoma enkampini – apho bazama ukuqinisekisa ngako konke ukuba isizini ivulwa iqela liyilungele.

UMalesela uchithe ixesha efuthelana nabadlali bakhe abaphaya kumashumi amathathu anesithandathu kwinkampu ebibanjelwe eThekwini.

Injongo yomqeqeshi ibikukuzama ukubuyisela abadlali kwisimo esilungele imidlalo ekumgangatho ophezulu. Khange kuphelele apho ngoba iChippa idlale imidlalo yokucweya neGolden Arrows, iRoyal Eagles noMthatha Bucks.

Umanejala weChippa, uLuthando Zibeko, uxelele eli phephandaba okokuba iqela lakhe liwulungele lo mdlalo wangempelaveki.

“Ingxelo esiyifumene kumqeqeshi ithi zonke izinto zihambe kakuhle enkampini kwaye wonwabile. Sinomdlalo omkhulu esiza kuwudlala neChiefs.

Umqeqeshi uzakube efuna ukuvavanya nokujonga umgangatho wabadlali phambi kwesizini entsha. Le yitumente enkulu, sifuna ihlale apha yona indebe,” utshilo uZibeko.

Ephawula ngamalungiselelo wale tumente uZibeko uyigxininisile into ethi basebenzisana nabezokhuselo kwiphulo labo lokuqinisekisa ukuba konke kuhamba kakuhle futhi wonke umntu ukhuselekile.

“Ibhola ingentsebenziswano, sifuna umlandeli weChippa athenge itikiti aphinde afike ebaleni kwangethuba,” utshilo uZibeko.

IiChilli Boys ziza kulo mdlalo ziqinile emva kokuba zityikitye abadlali abaliqela futhi abasemgangathweni ophezulu.

Abadlali abatsha baquka uJames Okwuosa, Kurt Lentjies, Mahlatse Makudubela, Zitha Macheke, Moeketsi Sekola, Mark Mayambela, Brighton Mhlongo no-Abel Mabaso.