IZIMVO: Urhwaphilizo lwemali yentengi kwiDemocratic Alliance kushiywa esikhundleni

Urhwaphilizo lwemali yentengi ngumbutho wepolitiki iDemocratic Alliance awusoze uve ngalo de ungene nzulu kubo bonke oomasipala lo mbutho ebalawulayo.

Ngenxa yokuba uninzi loonobhizinisi abafumana ibhizinisi kwaba masipala ngendlela emnyama baxhasa lo mbutho baphinde baxhase neenkampani zoonondaba, awusoze uve ngorhwaphilizo nangenkohlakalo.

Elona xesha lininze ode uve ngolu rhwaphilizo kuxa omnye wamalungu nabaphathi balo mbutho ewushiya lo mbutho ngenxa yempatho-mbi, awakhuphe ke wonke amabibi.

Kodwa nalapho, onondaba abazithatheli nto ezozityholo. Kuxa kusukume umphakathi apho ukhe ude uve kancinci onondaba bethetha ngolurhwaphilizo kumbutho iDemocratic Alliance nomasipala bazo.

Abahlali bedolophu yaseKnysna, kwinyanga kaCanzibe (Meyi) kulo nyaka, bafake isikhalazo kwindlu yowiso mthetho kazwelonke, besithi urhwaphilizo lwemali yentengi kumasipala waseKnysna ophethwe ngumbutho weDemocratic Alliance sowukwibakala eligqwesileyo.

Abahlali bafuna lo masipala ufakwe kulawulo lorhulumente ongaphezulu.

Abahlali banomonde omkhulu wokunyamezela impatho karhulumente, kuye kuthathe isimo esigqithisileyo nesinganyamezeleki ukuba badlulisele izikhalazo kurhulumente ophezulu. Kuye kuphele iminyaka abahlali benyamezele, xa uthe waphela lo monde ubokwazi ukuba kuphele iminyaka bekhala ngento enye bengahoywa.

Usodolophu uEleanor Bouw-Spies akakhange abenempendulo kwesisithyolo, kwakunye nombutho wakhe iDemocratic Alliance. Kwizikhalazo ezifakwe ngabahlali kurhulumente wephondo, okwaphethwe yiDemocratic Alliance, akukho nesinye aye lorhulumente wasisabela.

Ukuthula ke kungenziwa nto ngezikhalazo zabahlali, yimpendulo yeDemocratic Alliance kuzo zonke izikhalazo zabahlali, bethembe ukuba abahlali bazakudinwa bayeke, ingakumbi kuba onoondaba abathandi ukuyithetha kakhulu into yorhwaphilizo lwalo mbutho. Ithi ke into lo nto yenziwa kukuba abaphathi boonondaba ikwangabaxhasi balo mbutho.

Kwa isikhalazo esi sokuba onoondaba abazinaki izikhalazo zabantu de abantu bephume ngendlu baye esitratweni yinto yakudlala.

Abahlali bakhala ngethenda yezigidi zeerandi enikwe inkampani enkulu yabamhlophe ngendlela emnyama engaziwa ngabanye osobhizinisi, ingakumbi abamnyama. Abahlali bakhala nangokuba kwabo onondaba abanesibindi sokuthetha ngorhwaphilizo lweDemocratic Alliance kulo masipala, lo masipala uyaziphindisela ngokukhupha imali yokupapasha umsebenzi womasipala kwabo onondaba nenkampani zabo.

Yinkohlakalo ephindaphindeneyo eyokuba kohlwaye onondabo ngenxa yokuba ufuna bathethe okuhle kodwa ngawe hayi impazamo. Urhulumente wephondo, ebekufanuba uyithathela phezulu le nto yokohlwaywa konondaba ngenxa yokuthetha inyaniso naye wenza lento ikhohlakeleyo.

iDemocratic Alliance iligama nje kuba indlela abaqhuba ngayo iyaphikisana nolawulo lwemveli ezibiza ngalo.

Ukuba awenzi lento bayifunayo bengumbutho, ukufaka abantu babo ezikhundleni, ukunika ibhizinisi abaxhasi ngezimali bombutho, uyakohlwaywa, uphelelwe nangumsebenzi.

Urhwaphilizo kwiDemocratic Alliance lufikelele kwibakala eliphezulu lo nto ingqinwa nangusodolophu waseGeorge uCharles Standers. Uthe uStanders ubeka phantsi njengosodolophu ngenxa yorhaphilizo olungamandla kwiDemocratic Alliance, umbutho ebewumele. UStanders utyhola isigqeba seDA ngokugxaphukela nokuphazamisa imigomo nolawulo lukamasipala waseGeorge. Xa iDA ikubeke njengomphathi, ube umnyama, balindele ukuba ubuze kwabaphezulu abamhlophe nakweyiphi na into ofuna ukuyenza nazo zonke izigqibo ofuna ukuzithatha.

Abantu abafikayo kwiDA nabakwintlangano nabo ukuze baphathisane oomasipala, abayiqhelenga le nto yokuthula ngorhwaphilizo olwenziwa ngegama lombutho nangabantu bombutho.

Bonke abantu abakhalazayo kumbutho we DA ngesiphanto soluntu olumnyama, ngorhwaphilizo, ngokungakhethwa komama, bazibona benganyulwa ezihlalweni, bade bakhutshwe. Abantu bayavuka ngoku kule nkqubo yobuxoki nokulahlekisa kwabantu.

Urhwaphilizo maluphele, kwiDemocratic Alliance nakubo bonke oomasipala ebaphetheyo kubekwe abantu bakuthi phambili.

*ULuyanda Tenge ngusihlalo weSASCO Eastern Cape.