‘Sizithuma ethafeni kodwa siyavota’

Izixhobo zokwakha izindlu zangasese ezafika kwilali yakuChachazela eChizee eDutywa ngo2013 IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

EKUSENI, emini nangokuhlwa abahlali bakuChachazela,eCizele, eDutywa, abangenazindlu zangasese kwimizi yabo, bayakroza ukuya ethafeni beyokuzithuma – nto leyo abathi ithobela phantsi isidima sabo.

Bekroza nje ukuya ethafeni kungenxa karhulumente owathi ntimfi izixhobo zokwakha izindlu zangasese kule lali, kodwa nkqi ukuqala komsebenzi wokwakhiwa kwezindlu zangasese.

Ngunyaka wesine lo, izixhobo zokwakha izindlu zangasese eChizele zizihlelele nje kule lali, ngenxa yamampunge nokungagqibeleli kolawulo kumagosa karhulumente athwaliswe oluxanduva.

Ezi zixhobo ziyonakala sithetha nje kwaye sele zidale umngcipheko kwiigusha zikaNtobeko Qase, athi zityiwa ziinyoka ezihlala phantsi kwezi zixhobo – kuba kaloku inyoka ikholwa yindawo ebubugoxo.

UQase uthi wayethenjiswe ngembuyekezo yemali ngamagosa kamasipala wesithili waseAmathole ngethuba egciniswa ezi zixhobo.

“Akukho kwamali endikhe ndayifumana futhi akukho kwalizwi elakhe labhekiswa kum, nakubahlali, malunga nokuba zizakuwenza nini umsebenzi wazo ezi zixhobo. Ndide ndaxabana nonkosikazi wam esithi zixine umzi wam ezi zixhobo,” utshilo uQase. UQase uthi ufuna zimke kwakhe ezi zixhobo, kuba zixine iyadi yakhe.

Umhlali wale ndawo uZukisa Kolobi uthi bakwimfuno emandla yezindlu zangasese kule lali, kuba ngokukroza besiya ethafeni – umdala nomncinci – balahlekelwa sisidima beluluntu.

“Akukho mahlathi kwindawo yethu, ngoko siyakroza siye ethafeni siyokuzithuma. Isidima sethu sijongelwe phantsi ngurhulumente, kodwa siyavota xa kufike ixesha lokuvota,” utshilo uKoloni.

Umam’ uNosinothi Sikhwele uthe: “Siyazifuna izindlu zangasese, sizokohlukana nokutshona esapha ukuze sizithume.”

Yena uYanga Bhokolo uthe: “Into ebangela ukuba sithi siyazifuna izindlu zangasese kukuba sizithuma ethafeni. Ayilunganga into yokuba siyokuzithuma ethafeni kodwa zikhona izixhobo zokuba zisihlangule kobu bugxwayiba.”

Ngokwecandelo leshumi, kwisahluko sesibini, soMgaqo-Siseko weli, wonke ubani unelungelo lokuba isidima sakhe sihlonitshwe futhi sikhuselwe. Kodwa kuselubala okokuba ilungelo lesidima sabahlali baseChizele alihlonitshwanga futhi alikhuselwanga ngumasipala iAmathole – ongoyena unamagunya okunikeza ngezindlu zangasese.

Isithethi saseAmathole uSiyabulela Makunga walile ukuphefumla.