Izakunceda indoda engenamilenze iWSU

UMcebisi Zoya waseMthwakazi eHewu ohamba ngamadolo ngenxa yokunqunyulwa kwemilenze yakhe ngugqirhaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Iyunivesithi iWalter Sisulu eMthatha izijule ijacu emva kokubona uMcebisi Zoya waseMthwakazi ongenamilenze ehamba ngezandla namadolo, ithembisa ngokumenzela imilenze.

Ingxelo yela ziko ithi ngenxa yesebe elijongene nokuveliswa kwale milenze uZoya uzakuba ngowokuqala ukufumana uncedo olu loluhlobo.

Ongumhlohli kwisebe elenza lomsebenzi uLuphiwo Mduzana uthi bavakalelwe emva kokubona olu sizi lendoda luhamba ngezandla.

“Sichukunyiswe kakhulu linqaku esilibone kwiSolezwe ngalotata, sizakumenzela imilenze ezakwenza ukuba akwazi ukuzihambela engaxhomekekanga,”uthethe oko uMduzana.

Uthi le ndoda ibonakala inawo amandla okuzihambela kungoko bethatha isigqibo sokuba bayibonelele ngalemilenze.

“Siza kumthatha eze kwenziwe iminganiselo yobude nobubanzi bemilenze azakuyinikwa, sithethana neziko lethu eliseKomani ukuba lenze amalungiselelo okuba athathwe eMthwakazi eHewu eze apha eMthatha,” ucacise watsho uMduzana.

Lo kaMduzana uthi iMpuma Koloni inamanani aphezulu abantu abadinga uncedo lemilenze nemilenze kungoko beqala lomsebenzi.

“Usemkhulu kakhulu umsebenzi ekumele siwenze kuba sinabantu abaninzi abadinga oluncedo, yena uzakuba ngowokuqala kwabo bantu,” ucacise watsho uMduzana.

UNomzi Zoya ohlala notata uMcebisi Zoya uthi ngenene buzakutshintsha ubomi balengwevu kwanabo ahlala nabo.

“Kubakho amaxesha wokuba azimoshele ngenxa yokuba engakwazi kufika kwindlu yangasese, ndimncede kodwa akayithandi lonto uyakhathazeka kakhulu xa ithe yenzeka, ngoku uzakukwazi ukuzihambela aye naphi apho athanda ukuya khona,” utsho uNomzi.

Uhambisa athi ubesoloko ekhalela ukufumana into eyomeleleyo anokuyinxiba ezandleni ukuze akwazi ukuhamba ngezandla namadolo.

Inkcukacha manani zabakwaStatistics South Africa zibonisa ukuba iMpuma Koloni ihamba phambili ngeepesenti ezilithoba ekhulwini ngokwamanani abantu abangenayo imilenze. Iphondo laseMpumalanga lelona linamanani aphantsi abantu abangenamilenze ngepesenti ezisixhenxe kuphela ekhulwini.

Ingxelo yekhaya ithi uMcebisi Zoya akasalali buhlayo emva kokufumana ingxelo zokuba uzakufumana imilenze.

“Izakufika nini madoda le milenze, ndiyavuya kakhulu zezingxelo, nincede nixele kwangexesha xa nizakufika ukuze sizilungiselele nathi kweli cala,” utsho uZoya. Ilali aphila kuyo eMthwakazi inendlela ezimbi kakhulu ezingayifanelanga konke indlela ahamba ngayo. Ukrwempeka izandla namadolo ngenxa yokurhubuluza, ukwalixhoba lengqele.