Siyenza itshiki iANC

Umntu usuke angayazi nokuba ayikho na enye into ekunokuthethwa ngayo ngaphandle kwale yokuba umongameli wesizwe makahle esihlalweni.

Eyona nto indikhathazayo kuyo yonke le nto ngabantu abathetha nje kungekho nto iphathekayo abanokuyenza ukuhlisa lo mnuzana esihlalweni.

Noko iye imameleke xa ingabantu bamaqela ezopolitiko aphikisayo azakuhlaba eli khwelo, kodwa ke mvanje liye likhula inani lamalungu ombutho olawulayo athi lo kaZuma makahle esihlalweni.

Xa noko ulilungu lala mbutho kamongameli bekumele ulandela imigaqo yombutho ephathelene nokushenxiswa okanye ukuhliswa komntu esihlalweni, hayi le ngxolo ingaka yokukhwaza ngaphandle oku ingathi ubungenayo indlela yokulihlaba eli khwelo ebiza kuza neziqhamo ezizizo.

Xa ngoku namalunugu alo mbutho ebhenela ukuhlaba eli khwelo koonondaba, endaweni yokusebensiza imibhobho ephakathi embuthweni, iyakhwankqisa.

Mna ndithi ngale ndlela la maqabane akuvakalisa ngayo ukungoneliseki kwawo ngumongameli yinkcitha-xesha, mabachithe batyiwe. Ndlela le unamandla ngayo umbutho olawulayo andibaboni beshukunyiswa sisimbonono esivela ngaphandle.

Elinye igama elitsha kolu luhlu lwabantu abathi umongameli makahle, lelo lowayesakuba ngumphathiswa wezezimali kweli, uPravin Gordan. Ulihlabe eli khwelo xa ebenodliwano-ndlebe kwiindaba zikamabonakude.

Uthe lo mhlekazi ukuba kudala elihlaba eli khwelo kwiingqungquthela ezithile zombutho olawulayo kodwa akanikwa ndlebe, ngoku ubhenela ekuyikhwazeni esidlangalaleni.

Kwezinye zezinto azithethileyo uthi lo kaZuma makavule umtyhi, evulela ubunkokheli obutsha obuzakuyisa le nqwelo yoburhulumente kwindlela entsha enempumelelo.

Ndiyafuna ukuthi lo kaGordan ucaphule kwezam izimvo. Ngokokwam ukubona ingathi onke la maqabane ayilwelayo le nkululeko, amanye ngaphandle, amanye ngaphakathi kwemida yeli, amanye ezintolongweni, noko sebeziinkonde neenkondekazi ngoku.

Lixesha lokuba bakhe bathathe umhlala-phantsi bayokuphumla, banikele iintambo zolawulo kwisizikulwana esilandelayo. Isuke yangathi ngoku lo Mzantsi Afrika bebewakha, bayaphinda bayawuchitha, kancinci kancinci, kwabona. Anidinwanga na maqabane ningayokuphumla nje?

Enye into endixhalabisayo kolu ninzi lwezi nkokheli zifuna umongameli abeke phantsi iintambo, ziinkokheli ezi eziphuncukene nesonka sazo ngokwezopolitiko, zaza emveni koko zangabagxeki abakhulu balo wongamele isizwe.

Nokuba mhlawumbi bathetha inyaniso isuke ingamkeleki ncam ngenxa yokuba ingathi banemisindo kuba nabo bephulukene nezabo izihlalo. Sizakukholelwa bani kengoku, silandele bani?

Akunzima, mnta’ka bhuti. Kukho ke nale genge ye-Save SA usuke ungayazi nokuba mawuthini ngabo.

Ewe, yona le ntshukumo ikhokelwa ziziqu ezithembakeleyo ngokokwethu ukwazi; kodwa umbuzo ngulo wokuba mahluko mni ezakuwenza le ntshukumo?

Into yabo ephambili ziitoyi-toyi, imingcelele, kunye neentetho zasesidlangalaleni. Ingaba le ndlela benza ngayo izinto izakuza neziqhamo? Isuke yangathi kum kudlalwa ngexesha nje apha.

Mna ndibona ukuba zonke ezizikweko zasesidlangalaleni ziyenza itshiki i-ANC, tshiki leyo yenza lo mbutho uzivale ngakumbi iindlebe kwizikhalo ezivela kuluntu ngokubanzi.

Ngangendlela umbutho olawulayo umkhusela ngayo umongameli, baxolele ukuphulukana nenkxaso yoluntu ngenxa yokukokosa isidima sezigqibo zabo.

Ingathi ke xa kunjalo bantakwethu masilindele inkomfa yolonyulo elandelayo yombutho olawulayo, kakade siyayazi ukuba ixesha likamongameli lizakuba liyaphela phaya. Ewe, mhlawumbi sithi umonakalo uzakuba emninzi kunokuba ekhona, kodwa ke asinayo enye indlela.

Umbutho olawulayo usibonisile ukuba awusoze uve ngabantu abangaphandle kombutho ukuba mabathini, nditsho nabo bangaphakathi sebetshelwe ngamazwi kukukrasa ukuba umongameli makahle. Into engapheliyo iyahlola, nathi silinde ngomonde.