Umzi wakwaKhumalo uphantsi kwelifu elimnyama

UDoctor Khumalo uswelekelwe yintombi yakhe. Umfanekiso: BackpagePix

UDoctor Khumalo nomzi wakwaKhumalo uwonke ugutyungelwe lilifu elimnyama emva kokuba kuthe kwasweleka intombi yakhe (Doctor) egama linguTheonada ngoLwesithathu wale veki. Iingxelo zithi le ntombi ibingaphilanga kakhulu ngethuba ihlaselwa kukufa. Usihlalo weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung, uthumele amazwi wovelwano kusapho lakwaKhumalo emva kwesi sehlo. “Sifuna ukuthi kuwe sinawe ngezi ntsuku zobunzima. Ukulahlekelwa ngumntwana ayonto incinane,” utshilo uMotaung kwimbalelwano ayithumele kuDoctor Khumalo.

“UTheonanda ibiseyintombazana esakhulayo futhi enamandla. UDoctor ebeyithanda ke kakhulu intombi yakhe. Intlungu akuyo ayinambaliso njengokuba sikuqonda sonke ukulahlekelwa ngumntwana ukuba kunjani na. Egameni labaphathi beChiefs, abadlali nabo bonke abasebenzi sithi ngxe.

I’solezwe lesiXhosa, kwidesika yezemidlalo, nalo lithi umzi wakwaKhumalo wonke mawuthuthuzeleke.