Amapolisa arhanela intakatho ekubhubheni kwenkwenkwe yaseZwelitsha

UThozama Motseki waseQonce kwaTshatshu, osafuna iimpendulo ngonyana wakhe uBukhobenkosi UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Inkosikazi yelali yakuTshatshu, eZwelitsha, eyabhujelwa ngunyana wayo oneminyaka elishumi elinanye (11) ngendlela “engaqondakaliyo” kunyaka ophelileyo, iyichaza le ntlungu “njengenxeba elingophiyo futhi elingapholiyo.”

UThozama Motseki (39) ugxeka amapolisa ngokuhamba ngonyawo lonwabu malunga netyala lokubulawa komntwana wakhe, nalapho athi amapolisa esikhululo saseZwelitsha, amxelela ukuba zizinto zentakatho uhlobo awabhubha ngalo umntwana, akabulewanga ngumntu.

Nangona kunjalo, uMotseki umile ukuba yena umntwana wakhe wabulawa ngabom ngumntu kwaye ubungqina boko unabo, kuba umakhelwane wakhe wathetha ngomlomo. Kodwa noxa kunjalo, uthi amapolisa awamhoyi kwaye alihambeli ndawo ityala.

Unyana kaMotseki ogama linguBukhobenkosi, wayengumfundi kaGrade 3 eBreidbach.

Ubhubhe kunyaka ophelileyo ngenyanga yeDwarha. Wabhaqwa ebotshelelwe kwisikhondo somthi esifutshane, apho ubani wayengenokukwazi ukuzixhoma kuso, kodwa wabhaqwa sele ebanda.

“Kwimizuzu emihlanu engenile ezokubeka ifowuni yakhe kwakunye nesilamba sakhe uBukhobenkosi endlwini, kwafika umzala wakhe esithi mandizokukroba, xa ndifika umntwana wam uguqe ngamadolo ubotshelelwe ngezandla.

“Ndothuka kuba kwakungekudalanga ephume endlwini abe kanti sele ebanda, kodwa into endiyaziyo waxhonywa kumthi lo sele ebulewe, kwenziwa ngathi uzixhomile, nangona kwakubonakala ukuba ubotshelelwe ngumntu njengoko wayeqinisiwe. Kulapho amapolisa adiza ukuba le into bubuthi ayilo tyala,” utshilo uMotseki.

Uthi intsusa kukuba echukelwa ngenxiwa elikhulu awalifumanayo, ze abanye abantu bafumana ngaphantsi kwelo lakhe. Uthi bayamlwa bathi akayonzalelwane yaphaya, ngoko ke akalungelanga kufumana mhlaba mkhulu.

UMotseki sele eshiyeke nentwazana yakhe encinci kuphela kwakunye nomyeni wakhe.

Uthi usebuthathaka yindlela unyana wabo awathi wabashiya ngayo.

Isithethi samapolisa alammandla uKapteni Siphokazi Mawisa uthi laliyile enkundleni yamatyala ze ityala lagqitywa ngumantyi eZwelitsha. Uthi ngokwengxelo yasenkundleni akukho mntu uzakutshutshiswa. “Ukuba usapho alonwabanga leli tyala lungaya kwinkumanda yamapolisa eZwelitsha,” kutsho uMawisa.